Amapolisa ayincothula nengcambu intsangu eMount Fletcher

Amapolisa aseMount Fletcher nesixa sentsangu ayifumene ngexa kugqogqwa

AMAPOLISA aseMount Fletcher athi akanalusini nabo basebenzisa intsangu nangaphantsi kwaziphi na izizathu. Othethela amapolisa, uRaphael Motloung, uthe wandile umkhuba wokulima nokushishina ngentsangu kula mmandla kwaye kukholelwa ekubeni ingunobangela wokwanda kolwaphulo-mthetho.

“Ibuqheleka into yokuba umntu azithethelele ngokuyisebenzisela iinjongo ezayamene nempilo intsangu, sifuna ukuyicacisa into yokuba ayikho mthethweni kwaye kulityala ukufunyanwa unayo,” utshilo uMotloung.

Oku ukuthethe emva kokuba abarhanelwa ababini ebebebanjwe nentsangu ngempela veki kwiziganeko ezahlukeneyo bevele phambi kwenkundla ka mantyi yaseMount Fletcher izolo. La madoda abanjwe ngexa amapolisa ala ngingqi enogqogqa wokulwa nokusetyenziswa noshishino ngeziyobisi kula ngingqi ngempelaveki.

Enye yala madoda, uNceba Banyana (40) ugwetywe iinyanga ezintathu eziseleni enethuba lesohlwayo semali eyiR1 200 ngokufunyanwa enentsangu exabisa iR100 000 kwikhaya lakhe elikwilali iLugcadweni. Kweli khaya amapolisa ayincothule esitiyeni sakhe logama enye ibisendlini ilungele ukunkinkishwa.

Ze eyesibini indoda, uThabo Ranosi (54) yaseCederville ebinesixa esixabisa iR50 000 ebesinkinkishelwe ukuthengiswa isagcinwe eluvalelweni de kube ngoMvulo weveki ezayo.