Amapolisa azisondeza ebantwaneni

Amapolisa, amagosa ezendlela kunye nabaqhubi benqwelo yezigulana, bafundise abantwana ngemisebenzi yezi nkonzoUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Kumaxesha amaninzi abantwana xa bebona amapolisa baye babaleke boyike kuba abazali basoloko bebagrogrisa ngawo. Kanti le asiyondlela amapolisa afuna ukwaziwa ngayo.

Kungoko amapolisa aseCambridge eMonti athe abamba iphulo kwakunye nabantwana abasebancinci abaphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwemithandathu ubudala nabaphuma kwiikhritshi ezingqongileyo bebavula iingqondo, bekwabonisa nangemisebenzi eyenziwa ngamapolisa.

Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku, uthi bafuna ukufundisa abantwana ngendlela abanokuthi bazikhusele ngayo kwanokunqanda iziganeko zokulahleka kwabo.

UMzuku uthi bakwafuna ukubafundisa into yokuba, ayilopolisa kuphela abanokuthi bachaze kulo ingxaki. Uthi naxa abantwana bebona imoto yamagosa ezendlela okanye iambulensi, banalo ilungelo lokuba bayimise bachaze undonakele.

“Sibone kubalulekile ukuba zonke ezi arhente zilapha sizidibanise ngexesha elinye, zicacise ukuba zingabanceda ngantoni na kwaye njani abantwana,” utshilo uMzuku.

Uthi nangona zingekho zininzi kangako iziganeko zokulahleka kwabantwana, kodwa uthi lowo umnye ulahlekileyo kubo yinto enkulu.

UNosiseko Kambi wamapolisa aseCambridge obeququzelela eli phulo, uthi kwisigqibo sabo kwakunye namaPolisa asekuHlaleni (CPF) kwiinzame zokucutha ulwaphulomthetho, bagqibe ukuba baqale kwaba baselula ngokweminyaka kuba ngabona baye balahleke xa behamba nabazali babo.

Uthi abazali baye babagrogrise ngamapolisa xa behamba nabo, kodwa uthi oko bayakususa neengcambu, bafuna abantwana xa bebona amapolisa okanye oonogada babone uncedo.

Unobhala weCPF eCambridge, uLindelwa Nqetho, uthi baziva bevuya kwaye bekhuselekile ngoku xa amapolisa ekwazi ukuzibandakanya namaphulo okufundisa abahlali.

“Siyavuya kakhulu, abantwana bethu babone ezi zinto bahlala bezibonela kude. Kwaye abantwana bayakhawuleza ukucinga olu ncedo balufumene apha, bakuthi balusebenzise nasemakhaya. Oku kuza kunceda nokuba abantwana baqhelane namapolisa bayeke ukuwoyika njengoko kusoloko besoyikiswa ngawo,” utshilo uNqetho.

Eli phulo lamapolisa belibambisene nezinye iiarhente ezifana nezicimamlilo, iiambulensi, oonogada bakwaRed Alert kwakunye namagosa ezendlela nezinye.

Abantwana banikwe ithuba lokungena kwimoto nganye, becaciselwa ukuba imoto ikhala xa kutheni kwaye kuzube kusenzeka ntoni.