Amapolisa ephondo atyelele ikhaya lexhegwazana eligwintiweyo

Umfanekiso oselugcinweni

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Liziwe Ntshinga, umbutho wamadoda iMen For Change kwakunye namagosa omasipala iEnoch Mgijima batyelele usapho lwexhegwazana, 98, eladlwengulwa lakugqiba labulawa ngomhla wamashumi amabini kwinyanga edlulileyo kwikhaya lalo kuKomani.


Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni, ixhoba negama linguNolulamile Zono, lalilele lodwa endlwini yalo ngethuba umrhanelwa engena engqala ngqo kwixhegwazana elidlwengula, akugqiba walibulala.


Olu tyelelo lwamagosa namhlanje,  injongo ibikukunika inkxaso kolu sapho luxheleke imiphefumlo.


UNjengele Ntshinga ngethuba ethetha kolu sapho uvakalise ukuba uninzi lweli phondo lwenziwa ziilali kwaye kumapolisa kunzima ukuba asebenze ngaphandle koncedo lwabahlali bezi lali.


“Ndibongoza abahlali ekubeni basebenzisane namapolisa ngalo lonke ixesha ngeenzame zokulwa ulwaphulomthetho.”


Ukwayigxininisile neyokuba amatyala okuxhatshazwa kwabafazi kwakunye nabantwana ngawona athathelwa ingqalelo ngamapolisa.


Kukwabongozwe uluntu ukuba luzichaze zisuka iziganeko ezinje, zingafihlwa.