Amapolisa: Uphelile umjikelo weendladiya nemigulukudu

UMphathiswa wamaPolisa, uBheki Cele, ethetha eBhayi

Kuza kuphela kuthi nya ukudakasa nokutabhata emaseleni nakwizidlwengu ukusukela kwezi nyanga zolonwabo zizayo ukubheka phambili.

La ibingamazwi oMphathiswa wesizwe kwiSebe lesiPolisa laseMzantsi Afrika uBheki Cele ngethuba ebe sisithethi esiphambili kumsitho wokusungula inkqubo yokhuseleko yexesha leziyunguma.

Lo msitho ububanjelwe kwibala lezemidlalo iNU 2 Stadium kwilokishi yaseMotherwell eBhayi kule veki iphelileyo.

Lo Mphathiswa uthe amapolisa aza kusebenzela ukubeka oonqevu nezigilamkhuba endaweni yazo, watsho ecela umphathiswa weli phondo kweli sebe, uWeziwe Tikana, ukuba enze uluhlu lwabo bonke ooncanyelweni abangade babanjwe aluzise kuye.

“Uphelile ngoku umjikelo kwiindladiya nemigulukudu nabo baba imali, kuphelile ukudakasa kubo mabahambe bayokwenza iCV bayokufuna imisebenzi,” utshilo uMphathiswa.

Uhambise wathi amapolisa awasaphozisi maseko ukubamba izaphulimthetho kwanabo bahlelele ukuphanga izithuthi ezithwele imali nabaqhekezi bebhanki, esithi bazibamba ngokuzibhada zisadibene ngeentloko zisaqulunqa amaqhinga okwenza ububi.

“ Xa besebenza oonqevu basebenza bexhobe ngezixhobo zokwenyani hayi imitshayelo, nawo amapolisa mawaxhobe asebenzise izixhobo zokwenyani angadlali, mawajongane ezinzwaneni noonqevu kukhal’ eny’ intwana qha ke, mawangene umzi nomzi akhabe iingcango abambe uguluva ayokumphosa esiseleni,” uthethe watsho.

OnguSekela kwiKomishini yesiPolisa kweli phondo uLt General uFannie Masemola, uthe eli liphulo eliqhuba minyaka le, watsho esithi ngeli xesha amapolisa aza kube enochuku ebamba into ephambi kwawo, eza kuvala neeshibhini ezingaqondakaliyo, eza kuswantsulisa nabo baxhaphaza abantwana noonina.

Esamkela iindwendwe, okhokela iSebe loKhuselo nezoKhuseleko kuMasipala waseNelson Mandela, uLutho Suka, uthe kuza kugquma isithuthuthu nomgqomo wokuleqa nokubamba yonke into esisaphulimthetho ezindleleni, watsho ecela kumphathiswa ukuba axhobise isipolisa sale Metro njengoko sisilela ngamandla okuqhuba umsebenzi wokulwa nokuqaqadeka nobugewu.

Woleke ngelithi iBhayi lisemjojweni ngenxa yokonyuka kweqondo lobugebenga.