Abantu abatsha kufuneka bayazi ukuba imeko asuka kuyo umntu ayibhali bali lobomi babo, ixhomekeke kumntu ngamnye ukuba ayiguqule loo meko ngemfundo nokuzimisela ebomini.
La ngamazwi amantombazana asaze ngobuso elizweni afunda kwisikolo samantombazana esilapha eMonti, iClarendon Girls High School.
UYolanda Sloti (18), uKhanyisile Booi (18), kunye noKwakhanya Wotshela (18) bayinxalenye yegqiza la- mantombazama azibiza ngokuba ngamaqhawekazi. Intatheli yeli phephandaba uChris Gilili, ukhe wahlala phantsi wancokola nala mantombazana.
Yintoni Amaqhawekazi?
Ngamantombazana alishumi asuka kwizikolo ezahlukeneyo zalapha eMonti. Ezi zikolo ziquka iClarendon High School for Girls, iHudson Park High school kunye neBeaconHurst.
Siye sadibana ngeenjongo zokuba sikhuthaze, sicebise kwaye sincedise oontanga bethu abafunda kwezinye izikolo, ingakumbi ezo zihlelelekileyo nasezilokishini. Iinjongo zethu kukuba siphumele nangaphandle kwamasango esikolo.
Uqalwe nini lo mbutho?
Amaqhawekazi aqalwe ngamantombazana abekade efunda eClarendon kunyaka ophelileyo, ingakumbi lawo ebesenza ibanga leshumi. Ngaphambili ibisaziwa ngokuba yiPad drive.
Ziintoni iinjongo zentshukumo yenu?
Ezona njongo zethu kukhuthaza oontanga bethu abafunda kwizikolo ezise- zilokishini ngokubaluleka kwemfundo kunye nokuzithanda njengamantombazana. Sifuna ukubakhumbuza ukuba iimeko abajamelene nazo ngoku zingatshintsha kuba ayisosiphelo sobomi.
Ukuba umntu uzimisele ukufunda kwaye aphuphe ngobomi bakhe emva kwebanga leshumi, acinge ngokuya eyunivesithi abuye nesidanga.
Zeziphi izikolo esele nizindwendwele?
Besikhe sazinika ithuba satyelela isikolo samabanga aphakamileyo, iQaqamba eZiphunzana ukuya kubona imeko abafundela phantsi kwayo oodade bethu abaphaya.
Siye sazama ukuqokelela iiPads ukubancedisa kuba siyazi ukuba abanye abakwazi kuzithengela ngenxa yokunqaba kwemali ngamanye amaxesha.
Siye saqwalasela ukuba banazo nezinye iingxaki ingakumbi kwizifundo zabo. Sathatha isigqibo sokuba siphinde sibuyele kubo sibancedise kwezo zifundo batsala nzima kuzo.
Ingakumbi izifundo ezifana neMathematika, iNzululwazi neAccounting. Enye into esithe sayiphawula eQaqamba kukuba abafundi abanazo izixhobo zokufunda, kwaye abanye badinga izihlangu zesikolo.
Kwakuthini ukuze nisebenzise igama elithi Amaqhawekazi?
Iqhawekazi ngumntu olunina owenza umahluko ekuhlaleni noziphethe ngendlela ethile ekuhlaleni.
Eli gama limnandi kwaye njengamantobazana aselula sineenjongo zokuba ngamaqhawekazi, kwaye sinethemba lokuba singosulela nabeni ngombono wethu ngeli gama silisebenzisayo.
Zithini ingcinga zenu ngalo mbutho?
Sifuna ukuwubhalisa ngokusesikweni, sizokwazi ukucela inkxaso nakwiindawo ezithile ezinceda imibutho yesisa. Sinethemba lokuba iyakuvuleleka nakumantombazana aselula asekuhlaleni.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates