Amasela abe imipu kwamasipala

Amasela angaziwayo angqole ngqo kwisefu egcina imipu yamagosa ezendlela kumasipala iSundays River Valley eKirkwood, kufuphi naseBhayi, ze azithaphulela esiba loo mipu kwaneembumbulu zayo.

Esi sehlo senzeke ngentseni yayizolo (ngoLwesithathu), ngokokutsho kwegosa lezonxibelelwano eSundays River Valley uVuyiseka Mboxela. UMboxela uthi lo mkhwa ushiye amagosa ezendlela abo engakwazi ukusebenza ngendlela efanelekileyo, nanjengoko amagosa eselungelweni lokuphatha imipu ukuzikhusela kubaqhubi abandlongo-ndlongo.

Amapolisa aye abizwa emva kokufunyaniswa kwesi senzo kwaye ayaqhuba nophando lwawo. Ngethuba sibhala eli nqaku bekungekabanjwa mntu malunga noku. 

 UMboxela uthi abakwazi ukutsho ukuba mingaphi imipu ebiweyo, noxa esithi iliqela.

 Uthi le mipu ibigcinwe kwisefu ekhuselekileyo, watsho esithi bengumasipala bacela wonke ubani onomkhondo malunga noku ukuba aqhakamshelane namapolisa aseKirkwood kule nombolo 042 230 7600, okanye baqhakamshelane nomasipala kwinombolo ethi 042 230 7700, kungenjalo kwi-imeyili ethi srvm@srvm.gov.za