‘Amasela’ aseNgcobo aphikisa ibhayibhile

Ibhodi esecaleni kwendlela engena kwidolophu yaseNgcobo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIEs

NJENGOKUBA izibhalo eziNgcwele zisithi indoda iyakutya ukubila kwebunzi layo, eNgcobo akunjalo nanjengoko amanye amadoda ale ndawo ekholelwa ukuba “indoda iyakutya ukubila kwebunzi lenye indoda”.

I’solezwe lityelele le dolophu neendawo eziyingqongileyo kwiveki ephelileyo, ukuva izimvo zabahlali malunga nentetho ethe gqolo ukuvela yokuba, awona masela atshatsheleyo afumaneka eNgcobo.

Noxa nje abahlali bale ndawo besithi “amasela” aseNgcobo akogqithi ndawo ngokuqatsela, bonke abo bathethe neli phephandaba, baqala bayothule phezulu intsini xa besiva eli phephandaba libabuza ngale nyewe yobusela eNgcobo.

Ubusela bukhona kwiindawo ezithile eNgcobo, futhi abo babenzayo babenza ngobugcisa ngokokutsho kwabahlali bale ndawo. Ukungqina oku, kumzi othile kwilali yaseDebera eNgcobo, kusandul’ ukubiwa iigusha ezingamashumi amabini anesithathu ezavulelwa ebuhlanti ebusuku ngamasela.

Umhlali waseDebera uthi akuzange kukhonkothe kwanja ngethuba kubiwa ezi gusha kulo mzi waseDebera.

Umhlali welali iMhlophekazi eNgcobo, ocele ukuba singamchazi igama lakhe, uthi zikhona iingcungela zamasela kummandla waseNgcobo. “Into ebiwa kakhulu apha yimpahla (iinkomo, amahashe neegusha). Futhi kukho umkhuba wokujika umbala wenkomo, ngokomzekelo wena ube uyazi inkomo yakho inamanqina amhlophe, ubone sele ijikwe ngeyeza elidityaniswa nomhlontlo ibengomnye umbala,” utshilo lo tata.

Lo tata uthi yena wagqiba kwelokuba angaze afuye kwagusha neenkomo ngenxa yokubona izehlo zokubiwa kwempahla kulo mmandla. “Mna ndagqiba kwelokuba ndingaze ndifuye, kuba amasela xa efikile akushiya uze,” itsho le ndoda.

Xa ibiwe imfuyo eNgcobo ikhawuleza ixhelwe okanye iyothengiswa kwindawo ekude, ngokokutsho kwabahlali bale ndawo.

Umhlali welokishi yaseNgcobo iMasonwabe, uthi aqatsele amasela kule lokishi. “Baba kakhulu oomabonakude neempahla zokunxiba apha elokishini. Ukuba ushiye iimpahla zakho ecingweni, iba lithamsanqa lakho xa ufika zikhona nokuba kusemini,” itsho inkosikazi yaseMasonwabe.

Indoda yelali yaseNkonde ezichaze kuphela njengoDlamini, ithi abantu bezinye iindawo ezingaphandle kweNgcobo sele beyithatha njengento yokuhlekisa le nyewe “yamasela” aseNgcobo.

“Ukuba useDutywa okanye useCofimvaba, uvele uhlekwe kuthiwe ungowasemaseleni. Ayisosenyeliso konke konke le nto, thina sele siyithatha njengenye yeenkcubeko zaseNgcobo,” utsho lo tata.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za