Amasela eebhokhwe abhokile eNgqushwa

Usapho lakwaBhalakisi eBhira eNgqushwa, lixhoba lakutshanje lokuthathelwa iibhokhwe ezingamashumi asixhenxe anesihlanu ngamasela ebuhlanti.

Ngenxa yale ntlungu, ingwevukazi yeli khaya uNonanithi Bhalakisi (84) utyiwe ngumvandedwa wade wabhubha ngenxa yale meko.

Unyana weli khaya uBongani Bhalakisi uthi bahleli exhaleni emva kokuduka kwezi bhokhwe ngenxa yezigrogriso zamasela.

“Umama ubhubhe ngenxa yentlungu yokulahleka kweebhokhwe zakhe, amadoda amane afika ezinzulwini zobusuku avula ubuhlanti alayisha iibhokhwe apha ngenyanga yoMsintsi, akazange aphinde aphile ukusukela ngoko,” ucacise watsho uBhalakisi.

Ingxelo yolwaphulo-mthetho kumapolisa kunyaka ophelileyo ibonise ukuba ukubiwa kwemfuyo yenye yeengxaki eziphambili eMpuma Koloni.

Amapolisa aseMdantsane kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo, abambe avalela indoda eyabhaqwa ilayisha iibhokhwe ebhakini nekwathi kamva wavela umnikazi wazo.

“Okona sikufunayo apha silikhaya kukuba kwenziwe ubulungisa ngokulahleka kweebhokhwe zeli khaya, kubanjwe abantu abachaphazelekayo, ibuhlungu le nto,” kutsho uBhalakisi.

Akukho mntu sele ebanjiwe ngokulahleka kwezi bhokhwe.

UNkosi Mthuthuzeli Makinana ongusihlalo weContralesa eBCM, uthi ngenene ngumkhuba okhulayo lo kwingingqi yaseBCM.

“Ngumkhuba okhulayo ngenene lo kule ngingqi, kutshanje ndifumene iingxelo zokuba kwezi lali zaseQonce la madoda angena ebuhlanti athathe imfuyo yabantu,” uthethe watsho uMakinana.

UMakinana uthi kukho iqela labantu abajikeleza ngendlela ecetyiweyo bethatha imihlambi yabantu.

“Kumele ukuba amapolisa noluntu ngokubanzi baqinise amaphulo okukhangelwa kwabenzi bale ntlonti,” utsho uMakinana.

Imfuyo yenye yeendlela zokuphila kubantu beMpuma Koloni nanjengoko eli phondo linezinga eliphezulu lendlala nentswela- ngqesho

Lo mkhuba uqheleke kwisithili somasipala wase Alfred Ndzo nase Joe Gqabi nanjengoko zihleli kumda nephondo laseFreyistata kunye nelizwe laseLesotho.

Imvumi yomculo wokholo uButho Vuthela ulahlekelwe zigusha ezingaphezu kwekhulu kunyaka ophelileyo ezathathwa ekhayeni lakhe eMount Fletcher.

Othethe egameni lomasipala waseJoe Gqabi, uMandla Gceya, uthi baxakene nayo imeko yokubiwa kwemfuyo kwiidolophu zalo masipala.

“Kutshanje sinesiganeko sokuthathwa kweegusha eLady Grey zayakufunyanwa eNgcobo zisendleleni eya eKapa, abelusi basoloko besebenzisana nala maqela, ngenyanga yeSilimela nasekupheleni konyaka ixhaphakile le meko,” uthethe watsho uGceya.

Iinzame zethu zokuthetha namapolisa aseMpuma Koloni aziphumelelanga.