Amasela emfuyo axhalabise iQonce

Isikroba kwithango lakuloThanduxolo Mgudlwa apho kwabiwa khona iqela elivisayo leegusha UMFANEKISO: LOYISO MPALANTSHANE

ABAHLALI beelali eziliqela phantsi kwesithili saseQonce abalali buhlayo ngenxa yamasela emfuyo aqatseleyo, ethatha imfuyo isebuhlanti emva koko aphele enyanyeni nayo.

Oku kunyanzele abahlali baseQaukeni eQonce ukuba baseke iqela lokugada ebusuku, kodwa noxa kunjalo kuyabonakala ukuba umkhambathi wamasela emfuyo wondele kwezi lali.

UMziwethu Myali waseQaukeni uthi wathathelwa inkabi yebhokhwe emhlophe isethangweni. UMyali uthi bagqiba kwelokuba baseke iqela lokugada ebusuku phaya eQaukeni.

“Ngoku imoto engenayo kwilali ebusuku, siyayimisa siyibuze ukuba iyaphi na. Kodwa ke siyalucela ungenelelo lukarhulumente, ingakumbi ukugadwa ngamapolisa ebusuku.”

UMyali uthi bathi xa beyokuphalaza inkxalabo yabo emapoliseni, amapolisa athi mababiye iiyadi, bazigadele imfuyo yabo ebusuku.

“Sizibona singakhuselekanga nakule nkquleqhu yethu yokugada ebusuku, ngoko yiyo le nto sicela ungenelelo kurhulumente ophezulu,” kutsho uMyali.

UThanduxolo Mgudlwa waseQaukeni wathathelwa iigusha zakhe ezingamashumi asibhozo anesibini, zithathwa ethangweni.

“Ngenxa yentlahla sayokuzifumana kwithafa elikude nalapha elalini ezo gusha. Ukusukela loo mhla, andisalali buthongo kuba kaloku imfuyo yeyona esithembele kuyo thina bantu basezilalini,” utshilo uMgudlwa.

Yena uZibha Lawana, wakwaShushu eQonce, uthi kwavulwa ithango kwathathwa iigusha ezilishumi elinesibhozo, kwaye akuzange kubonakale mkhondo kunanamhla oku.

“Lo mkhwa wokubiwa kwemfuyo awusiphathanga kakuhle. Sicela ungenelelo kwabasemagunyeni.”

UNcedisile Qabaka waseKhalana uthi ulahlekelwe ziinkabi zebhokhwe ezimhlophe.

“Abantwana babona zilayishwa ezi nkabi zebhokhwe ethafeni. Isiphethe kabuhlungu le ntlonti yabantu abangafuni kuzisebenzela. Urhulumente makaqinise umthetho kumasela emfuyo, kuba ngokokwethu imfuyo yinto yokufundisa abantwana, yondle iintsapho,” kutsho uQabaka.

Yena uVido Mdoda wakuMabhongo wabelwa iinkomo ezilishumi elinesithathu, zikhethwa elalini kwiiveki ezintathu ezidlulileyo. UMdoda uthi bazifumene kwilali ekude iinkomo zakhe.

“Ndicinga ukuba into ebangele sizifumane kukuba mhlawumbi bekungekafumaneki umntu wokuthenga.”

UMdoda ukholelwa ukuba la masela agqugqisa kwezi lali ayazana kwanabahlali bezi ndawo.

“Akekho umntu onokusuka kwenye indawo azokuba kwindawo yethu, engasebenzisani namasela ale ndawo.”

Isithethi samapolisa uKapteni Siphokazi Mawisa, uthi banolwazi ngokubiwa kwemfuyo kwezi lali, watsho esithi bebebambe iindibano zokhuseleko kutshanje ze bagqiba ngelithi imoto engaqondakaliyo mayibikwe emapoliseni.