ABAKWANTSASANA kwindawo yaseWalmer eGqeberha bakhangela abarhanelwa abathandathu abaphange ivenkile yeefowuni eziphathwayo kudederhu lweevenkile lwaseWalmer kubusuku bayizolo [uLwesithathu].
Kutyholwa ukuba aba barhanelwa, ababini kubo bexhobe ngemikhono yekati, bambonzeleke kule venkile yeefowuni banyanzela abathengi nabasebenzi bale venkile ukuba balale phantsi.
“Abarhanelwa bemke nee-iPhone, iiMacbook, iiwotshi nokuninzi obekuhombise apho. Ngethuba bepakisha ezo zinto zibiweyo, kubekho udubulo apho evenkileni, kodwa akonzakala mntu, ” kutsho uCol Priscilla Naidu wamapolisa.
UNaidu uthi kuvulwe ityala lokuphanga ishishini.
” Ixabiso lezo zinto zibiweyo alikaziwa okwangoku nanjengoko kusafuneka kubalwe ze kuqinisekiswe ixabiso laloo mpahla ibiweyo, ” kutsho uNaidu.
Amapolisa abongoza abahlali ukuba ancede ukubafunisa abarhanelwa. Akwalumkise abahlali ngelithi bangazithengi ezo zinto zibiweyo nanjengoko othe wafunyanwa ezithengile eyakubanjwa ze abekwe ityala.
Lonke ulwazi lungathunyelwa kuD/Sgt Vuyo Pinn kwa: 083 498 4674 okanye kwinombolo kaCrime Stop engu: 08600 10111 kungenjalo lusiwe kumapolisa akufutshane. Igama lalowo uze nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa lakugcinwa luyimfihlo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’