Amashumi amabini ananye eminyaka ebumnyameni

Inkampani edidiyela umbane kweli iEskom ayikwazi kunika iimpendulo kwingxaki zokulibaziseka kokuqalisa ukulayita umbane kwizindlu ezingaphezu kwamakhulu amathandathu kumasipala waseNgcobo, eMalahleni, Mount Fletcher, Tsomo naseGcuwa.

Abahlali bezi ndawo balinde umbane iminyaka engamashumi amabini ananye ukusukela oko kwaqaliswa ukufaka umbane kwiindawo zasezilalini eMzantsi Afrika ngo1996.

Inkampani yakwa-Eskom ingene kwisivumelwano nenkampani yakwaNyamezela ukuba ivelise iibhokisi ezintsha zokudidiyela lo mbane kubahlali beli phondo. Abahlali kwaWadi 5 eMalahleni batyhola inkampani yakwaNyamezela ngokulibazisa ukubanika umbane ekukudala bewulindele.

UNomisile Mbedlashe wakwa Wadi 5 eMalahleni uthi akazange awubone umbane oko wafakwayo kubamelwane bakhe kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini.

“Andiyazi ukuba ndenzeni mna le nto ndinokusokola kangaka umbane, andilazi nenani looceba endihambe kubo ndicela umbane, bona bandithumela kwa-Eskom, amathemba ethu enyukile emva kokuba sifakelwe ezi bhokisi kodwa zihleli apha aside siwubone umbane,” uthethe watsho uMbedlashe.

Izindlu zaba bahlali zashiywa kwizihlandlo eziliqela ngenxa yengxaki ezahlukeneyo.

UNowethu Ncaphayi wakwa Wadi 5 eMalahleni, uthi amagosa afake iibhokisi emizini yabo abaxelele ukuba ziibhokisi zakwaNyamezela ezibanga ingxaki.

“Umntu onguSipho obehamba apha ngoku kufakwa ezi bhokisi usixelele ukuba ingxaki elibazisa ukulayita kwalo mbane ibangelwa nguNyamezela, sazi lo nto thina,” uthethe watsho uNcaphayi.

Uthi kubuhlungu ukulinda umbane sele ukhona ezindlini emva kokulinda iminyaka engaphezu kwamashumi amabini.

“Sinyukelwe ngamathemba ukufakwa kwezi bhokisi apha sicinga ukuba nathi side sawufumana umbane, kodwa ngoku ingxaki zihleli apha azisebenzi iibhokisi, asiyazi ukuba singasola bani ngale ngxaki,” uthethe watsho uNcaphayi.

Kwiilali zaseNgcobo,Tsomo, eGcuwa naseMount Fletcher balinde ukuqalisa kokulayita kwalo mbane.

Ukanti inkampani yakwaNyamezela izithethelele kwezi zityholo ngelithi ayinaso isono sokulibazisa impilo zaba bahlali, ongumphathi kule nkampani uChris Vuso uthethe wathi.

“Isivumelwano sethu neEskom siqala ngokuvavanywa okubanzi, ezo mvavanyo saziphumelela, azinayo ingxaki iibhokisi zethu, ukufakelwa kwezi bhokisi kwenziwa yenye inkampani ngokwesivumelwano, kukho uqeqesho olunikwa abantu bale nkampani ifaka ibhokisi, ukuba kukho into ethile eyaphoswayo ngoku kuqeqeshwa abantu iyakubakho ingxaki elolu hlobo,” uthethe watsho uVuso.

Le nkqubo yokufakwa kwezi bhokisi iqale ngenyanga kaCanzibe kulo nyaka, zagqitywa kwangalo nyanga.

Othethe egameni lenkampani yakwa-Eskom eMpuma Koloni uZama Mpondwana, unike impendulo emfutshane kwimibuzo ebeyithunyelelwe leli phephandaba malunga nokukulibaziseka kokulayita lo mbane.

“Singu-Eskom sinolwazi lokuba kukho abantu abathile abanengxaki zokulayita ngalo mbane ubusandula kufakwa kwiindawo ezithile zephondo, sisayiqwalasela le ngxaki sikunye nenkampani ibisenza lo msebenzi malunga nengxaki yokuba umbane wabantu ungakwazi kufakeka kwezibhokisi zintsha,” uthethe watsho uMpondwana.

Inkampani yakwa-Eskom ayivumanga ukuchaza isixa-mali esisetyenziswe kulo mbane, kwanenani lezindlu ezifakwe le bhokisi intsha eMpuma Koloni.

Ukanti uChris Vuso wakwaNyamezela uthi abakwa-Eskom abakhange babaxelele ukuba banengxaki yokufakwa kombane kwezi bhokisi.

“Sisabalindile ukuba basixelele ukuba banengxaki sibancede, abakwa Eskom mabohlukane nokuthi sithi unobangela wengxaki akanatyala uNyamezela,”utshi uVuso.