ZONKE iindlela zijonge kwisixeko saseBhayi kule mpelaveki apho uMongameli Jacob Zuma, obebhiyozela usuku lokuzalwa lweminyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) izolo, azakube esothula intetho malunga nomqulu wezithembiso we-ANC kunyulo loomasipala. Kucace nakuthathatha ukuba iNelson Mandela Bay kutsalwana ngayo ngamaqela ezopolitiko. Yi-ANC ngapha, efuna ukukhusela ulawulo lwayo kulo masipala, logama kwelinye icala iyiDA efuna ulawulo kwesi sixeko.
Bekela bucala iDA ne-ANC, nanku umbutho we-EFF kwane-United Front zinkqonkqoza. Akukho mathandabuzo kwelokuba i-EFF izakwenza ifuthe kunyulo loo masipala eNelson Mandela Bay. Okungekacaci kokokuba lifuthe elingakanani elizakwenziwa yi-United Front kulo masipala.
Ngethuba ethetha eMonti kunyaka ophelileyo, * -Athol Trollip (inkokeli yeDA eMpuma Koloni kwanomgqatswa wosodolophu eNelson Mandela Bay) wadiza ukuba lo mbutho awuzimiselanga kwenza nkazathi (coalition) neminye imibutho emva kweziphumo .
“Ezona njongo zethu kukubona i-ANC isehla, ifumana iivoti ezingaphantsi ko-50%. Siza kwenza inkazathi nemibutho yezopolitiko ephikisayo xa oko kufanelekile. Ngokokubona kwethu iNelson Mandela Bay singayiphumelela nokuba asenzanga nkazathi,” watsho uTrollip kwinqaku elapapashwa liphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngowe-20 kuTshazimpuzi nyakenye.
Ngokokuqaphela izinto, umbutho we-ANC uyaluva ulwamvila lwemibutho efuna ukuthabathela ngakuyo ulawulo lwaseNelson Mandela Bay. Kungesosizathu umqulu wezithembiso (manifesto) walo mbuto uzokuphehlelelwa eBhayi ngoMgqibelo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile