Amasi abekwe elangeni

Oscar Mabuyane

IMPELAVEKI inye yile! Amasi abekwe elangeni! Ixesha lokugaya inkxaso lifike ledlula!

Abathunywa beANC abaphuma mbombo zone zeMpuma Koloni baza kuthabatha inxaxheba kunyulo lwesikhokelo esitsha sephondo, kwinkomfa ezakubanjelwa e-ICC eMonti ekulindeleke ukuba itsale umdla wabaninzi.

Okwenza umdla kule nkomfa ngumngeni phakathi kukaOscar Mabuyane, uNobhala weANC ephondweni, kwakunye noSihlalo wombutho uPhumulo Masualle okwayiNkulumbuso. Bobabini bazakukhuphisana kwisikhundla sokuba nguSihlalo.

Esinye isikhundla esiza kutsala umdla lugqatso phakathi kukaAndile Lungisa noLulama Ngcukayitobi.

UMabuyane, okhuphisana noMasualle uzalelwe eDebera eNgcobo. Phambi kokuba onyulwe njengonobhala weANC kweli phondo, uMabuyane ukhe wayinkokeli kumacandelo ohlukeneyo kulutsha lweANC apho kuquka ukuba nguMongameli weSRC kwiYunivesithi iFort Hare. Kwinkomfa eyayibanjelwe eRiver Park kwisixeko saseMonti ngo2009, uMabuyane wonyulwa njengonobhala, sikhundla eso asasibambe kunanamhla oku, kulandela ukuphinda onyulwe kwinkomfa yalo mbutho eyayibanjelwe eBhayi ngo2013. UMabuyane waziwa kakhulu ngokuthetha phandle xa kukho iyantlukwano okanye into engahambi kakuhle ngaphakathi kumbutho iANC.

UMasualle, iNkulumbuso yaseMpuma Koloni, ukhokele izihlandlo eziliqela kwiANC. Ubelilungu lePalamente eBhisho ukusukela ngonyaka ka-1999. Ngaphandle kokuba nguSihlalo weANC ukusukela ngonyaka ka2009, uMasualle ukhe wanguNondyebo wamaKomanisi kuzwelonke.

UMasualle uzalelwe eMount Fletcher ze wachitha elinye ixesha lakhe eMthatha. Ibanga leshumi uliphumelele eSt Johns College eMthatha, isikolo apho waphumelela elakhe ibanga leshumi lowo obesakuba nguMongameli uThabo Mbeki.

Phambi kokuba yiNkulumbuso, uMasualle ukhe wanguMphathiswa kwezendlela nemisebenzi yoluntu, ezempilo kwanezezimali. Ukhe wakhokela nakumacandelo wolutsha aphantsi kweemfefe zeANC.

ULulama Ngcukayitobi, okugqatso lokuba ngunobhala apho akhuphisana noLungisa, yena ngunobhala weANC kwingingqi iOR Tambo, eyona ngingqi yalo mbutho iyeyesibini ngobukhulu kwilizwe liphela. Phambi kokuba ngunobhala waseOR Tambo, uNgcukayitobi ukhe wakhokela iANC eKing Sabata Dalindyebo nalapho wayekwangunobhala. Phaya ekuthambekeni kweminyaka yoo1990, uNgcukayitobi wayekwisigqeba solawulo kwiANC Youth League kwingingqi yommandla wase-OR Tambo.

ULungisa waseNelson Mandela Bay, ukhokele kwizikhundla eziliqela kwiANC. Sithetha nje ulilungu lekomiti yeANC eMpuma Koloni. WayenguSekela Mongameli kwiANC Youth League ngethuba eli khaba lolutsha lalikhokelwa nguJulius Malema.

Ukhe wangusihlalo weArhente yoPhuhliso loLutsha kuzwelonke (NYDA). Kutshanje ebonyulwe njengoSihlalo weANC eNelson Mandela Bay, sikhundla eso kuye kwanyanzeleka ukuba ahlehle kuso ngenxa yokukhatywa ngumgaqo-nkqubo weANC owakhonkxayo amalungu alo mbutho akwisigqeba sephondo nakuzwelonke ekuthabatheni inxaxheba kunyulo lwezikhundla zeengingqi.

USakhumzi Somyo, yena uzakukhuphisana noMlungisi Mvoko, yena ukugqatso lwesihlandlo sesibini njengosekela sihlalo.

USomyo nguMphathiswa eMpuma Koloni ojongene nesebe lophuhliso lwezoqoqosho, ezezimali, imicimbi yezendalo kwanezokhenketho. Uzalelwe eDikeni ze wakhokela kwimingxili yeANC eRaymond Mhlaba, indawo ebifudula isaziwa njengeNkonkobe. Ngoku ungusekela sihlalo kwiANC eMpuma Koloni. USomyo ukhe wanguSodolophu waseAmathole iminyaka elishumi. Sithetha nje wenza iiMasters kulawulo loluntu (Public Administration) kwiYunivesithi iFort Hare.

UMvoko ngusihlalo weANC kwingingqi yeSarah Baartman, isikhundla awonyulwa kuso ngonyaka ka2012, ebetha uGugile Nkwinti ongumphathiswa wophuhliso lwamaphandle. Ngaphambili, uMvoko wakhe wanguSodolophu kumasipala wesithili iCacadu, ingingqi esele ibizwa njengeSarah Baartman ngoku. Ngaphambili, uMvoko wayeyinkokeli yombutho weetitshala iSadtu kweli phondo.

UHelen Sauls-August, okhuphisana noNolitha Ntobongwana, kugqatso lokuba ngusekela nobhala wazalelwa eSchauderville eBhayi emva koko wayokufunda eTinarha, apho umdla wakhe kwipolitiki uqale khona. Sithetha nje ungusekela nobhala kwiANC eMpuma Koloni, isikhundla awonyulwa kuso kwinkomfa yephondo ngo2009. USauls-August ukwangumphathiswa wokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni. Kummandla waseNelson Mandela Bay, ingingqi yakhe, uSauls-August waziwa njengetshantliziyo leANC elidlale indima ekukhuliseni lo mbutho.

UNtobongwana uzalelwe kummandla waseMhlontlo kwaye sithetha nje ungunobhala wekhaba lamanina kwi-ANC eMpuma Koloni. Ukhe wanguye usomlomo kumasipala wesithili i-OR Tambo. Phambi kwesi sikhundla sokuba ngusomlomo, uNtobongwana wayelawula njengesabhokhwe seANC kwakulo masipala wase-OR Tambo.

Yena uThandiswa Marawu ukhuphisana noBabalo Madikizela kugqatso lwesikhundla sokugcina amafa. UMarawu ukwityeli lesibini njengonondyebo weANC eMpuma Koloni. Wazalelwa eRhini kodwa wafunda eUgie apho akhe wanguSodolophu khona.Ukhe wanguye noSodolophu kumasipala wesithili iJoe Gqabi, apho akhe wanguye nosomlomo khona.

Phambi kokuba abenguMphathiswa wezendlela nemisebenzi yoluntu, uMarawu ukhe wanguMphathiswa kwezothutho nokhuseleko.

UMadikizela uzalelwe eMbizana. Sithetha nje uMadikizela, okwangusomashishini, ungunondyebo weANC kwingingqi iAlfred Nzo, isikhundla angene kuso ukusukela ukonyulwa kwakhe ngonyaka ka2014. UMadikizela ukhe walilungu elikwisigqeba seANC Youth League kwiphondo leMpuma Koloni. Phambi kokuba ngunondyebo, uMadikizela ukhe walilungu lekomiti ekwiqoqo lokujongana nemicimbi yeANC eAlfred Nzo.