Amasiko esiNtu esenziwa xa umfazi ebhujelwe

Ukudalwa kwenkosikazi: Kukho umgaqo olandelwayo kubafazi basebukhosini, abafazi ke beekumkani neenkosi, mgaqo lowo kuthiwa kukudalwa kwenkosikazi.

Zonke izizwe ezibaziyo nezibuqhelileyo ubukhosi ziba nomfazi othile, kwintlaninge yabafazi bekumkani okanye inkosi leyo, otyunjelwa ukuba aze azalele isizwe indlalifa, ikumkani okanye inkosi elandelayo yakuba inkosi ikhothamile.

Ukukhothama sisihlonipho sokubhubha kwenkosi, esisukela kwindlela elala nechwechwa ngayo ingwe xa iza kuhlasela.

UKumkani K.D. Matanzima into yokudalwa kwenkosikazi wayibeka ngolu hlobo kwiphephandaba Umthunywa ngowe1989: “Abafazi beenkosi ezizindlalifa kwaMatanzima babiwa yindlalifa yakwaDalindyebo, nabakwaDalindyebo babiwa yindlalifa yakwaMatanzima, nobukhosi buphehlelelwa ngolo hlobo.

Loo nto ayenziwa bubukhosi babaThembu kuphela, kunjalo nasemaXhoseni. ObamaRharhabe eMngqesha buphehlelelwa kwaGcaleka eNqadu. NakumaMpondo eNyandeni buphehlelelwa eQawukeni, nobaseQawukeni buphehlelelwa eNyandeni.”

Xa silandela ukudalwa kwenkosikazi emaXhoseni,abafazi bekumkani okanye inkosi bahlelwa ngokwegazi lobukhosi, oko kuthi ooyise babo bazinkosi.

Ngokwesithethe sakwaNtu inkosi yesizwe ifanelwe izalwe ngumntwana wegazi, kuye, kuthi nokuba bebesele bezekiwe abanye abafazi abazintombi zabantu abamnyama, bangabi nako ukuzala inkosi.

Inkosi eza kuphatha ilawule isizwe, izalwa yintombi yomntu wegazi nokuba loo ntombi yomntu wegazi yende mva kunabanye abafazi benkosi. Loo nyana unikwa ubukhulu nobukhosi nokuba bakhona na abakhuluwa bakhe abazelwe ziintombi zabantu abamnyama.

Umntu omnyama ke ngokwesiNtu ngumntu ongenagazi lobukhosi. Umfazi wokuqala wenkosi emzekileyo abe engenguye umntwana wegazi ubizwa ngokuba ngumosuli-daka okanye umosuli-futha, kuthiwe inkosi ibisahlamba nje ifutha. Kutshiwo kuba usekho umfazi oza kuzekelwa ukuzalela isizwe indlalifa nenkulu yaso, umfazi oza kulotyolwa sisizwe sonke.

USoga, T.B. kwincwadi ‘Intlalo kaXhosa,’ wabhala wathi ngokudalwa komfazi emaXhoseni: “Koqalwa ngokulandwa ubukhosi bale nkosazana imiselwe ebukhosini ekothi ukuba sekukho inkosikazi eseyidaliwe kwalanyaniswe ubukhosi ukugqithagqithana, ide maxa wambi ikhululwe leyo ibiseyikho, kuthiwe eyona nkosikazi yile ifikayo eyozal’inkosi, ize ke ilotyolwe sisizwe kusithiwa, “Namhla inkosi yazeka.”

EmaXhoseni umfazi olotyolwe sisizwe oza kuzala inkosi kuthiwa xa ebizwa yinkosikazi yesizwe, ngumama wesizwe, ngumfazi wesizwe.

Xa ethe umfazi wenkosi okanye wekumkani wabhujelwa nguyise kwenzeka oku kulandelayo.

Ukungenwa komfazi: Kwizizwe zaseMbo ezifana namaMpondo namaHlubi xa loo nkosikazi idaliweyo yaba yinkosikazi eza kuzala inkosi, kuthe ngelishwa kwasweleka inkosi leyo ingayizalisanga, kuye kucelwe umninawa wayo okanye umntakwayo nokuba ngoweyiphi na indlu, ukuba amngene loo mfazi ngokwesiko, ukudalela isizwe inkosi okanye ikumkani.

Umntwana osisiqhamo sokungenwa komfazi ebesiba ngowaloo nkosi iswelekileyo, angabi yeyalo ndoda imzalisileyo. Ibiba ngulo nyana ke ongena kwisihlalo sobukhosi.

Xa loo ndoda imngenileyo ithe ngenxa yobushushu bamabele namathanga nokugqunywa ezingubeni ngulo mfazi imngenileyo, ithe yakhetha ukuba imzeke imenze umfazi wayo, umntwana wabo obeza kuba yindlalifa yobukhosi akabufumani kuba asingomntwana womfi, utshintshile wangowale ndoda imngenileyo.

Ukungena kuthetha ukondla umfazi womfi ngokumncedisa ahlale kamnandi onwabe emzini womfi, umlimele umtyise ahluthe esiswini, umzalise nabantwana, khon’ukuze igama lomfi lingacimi.

Xa uthe wamzeka uba ngumfazi wakho, ngoko ke ulicimile igama lomfi. Umfazi omngenileyo umbalela amalanga kuphela njengomfi, awumzeki.

ULupuwana, D.M. (1992) isiko longeno uyangqina ngalo uthi: “Siva ukuba zonke izizwe ezibaziyo nezibuqhelileyo ubukhosi ziba nomfazi othile, kwintlaninge yabafazi bayo, otyunjelwa ukuba aze azalele isizwe inkosi.

Ukuba kuthe ngelishwa inkosi ibhubhe ingafumananga mntwana kuloo nkosikazi kube kucelwa umninawa wayo okanye umntakwayo nokuba ngowasekunene ukuba amngene loo mfazi ngokwesiko… ukudalela isizwe inkosi.”

Ukulimela: Ukulimela sisithethe nendlela yokungenwa komfazi obhujelweyo ngokwasemaXhoseni. AmaXhosa akalenzi isiko longeno, kuwo ngumbulo ukungena ezingubeni, ufuthwe phezu kwamabele namathanga ngumfazi womntakwenu.

EmaXhoseni umfazi ucetyiswa ngabanye abafazi ngendoda emayimlimele akuba eswelekile umyeni, kwezinye ke iimeko ezininzi ubuyelana nala ndoda wayedlala, emetsha nayo ekukhuleni kwakhe, okanye ke azikhethele indoda entsha emayimgcine.

NakumaXhosa abantwana aza kubazala umfazi owendileyo ngabantwana bomfi, kodwa abawunikwa umkhonto nobunkulu, bangazindlalifa kuphela.

Ngenxa yeemeko zokufuthelana kwamasiko ezizwe, amanye amaXhosa omthonyama ayamngena umfazi wesizalwane, nangona ingeso sithethe sawo semveli.

Ukuvusa amabele okanye ukutyalela imbewu: Kwezinye iimeko bekusithi xa umfazi wendlu enkulu ethe akazala, okanye wazalela phantsi akabi namntwana uphilayo wasebuhlanti, enzelwe isiko lokuvusa amabele.

Eli siko lenziwa ngokuthi lo mfazi xa umfi eswelekile alathe omnye umntwana kwenye yezindlu zenkosi njengomntwana oza kuba yindlalifa yakhe; okanye onyule omnye umfazi kubafazi abakhoyo benkosi, athi abantwana baloo mfazi ngabo abanebango nelifa kwindlu yakhe.

Enye indlela ibikukuba xa indoda isaphila umfazi lowo acebise indoda yakhe ukuba ihambe iyokulobola omnye woodade bomfazi lowo, imzekele ukuvusa amabele ukuze ibe nguye oza kuzalela loo mfazi.

Umfazi akanyanzelekanga ukuba akhethe udade wabo, unokukhetha nayiphi na intombi kwisizwe asithandileyo.

Eli siko libizwa nangokuba kukutyalela imbewu, ngelizwi elinye kubakho umfazi ozekelwe ukutyala imbewu (ukuntshulisa isithombo esingumntwana oza kuphatha). Zonke izizwe zikaNtu ziyalenza eli siko lokutyala imbewu.