Amathambo kaNeville Alexander ayashukuma!

Unjingalwazi Neville Alexander simazi sonke ngokuba ngomnye wabo babevalelwe esiqithini iRobben Island namanye amatsha-ntliziyo kwezopilitiko, amatsha-ntliziyo afana nobawo uRholihlahla Mandela, oobawo uSisulu, oobawo uMkwayi, oobawo uTshwete, oobawo uMhlaba, oobawo uGoldberg nabanye abaninzi.

Ubawo uNeville Alexander wayesaziwa ngokuba yenye yamadoda amafutshane ngesithomo, kodwa engumde ngeentonga kwicandelo lokulwela amalungelo abantu nasekulweleni inyaniso.

Ubungangamsha bakhe bugqame ngakumbi kwindima ayidlalileyo kuphuhliso lweelwimi zonke zoMzantsi Afrika. Kaloku iphepha lophando elalinika umkhomba-ndlela ngobume beelwimi zonke zeli lizwe, lashicilelwa ngulo bawo.

Kweli phepha lophando ngeelwimi ubawo uNeville Alexander waveza uluvo lokuba zonke iilwimi zoMzantsi Afrika kumele zibandakanywe ngokulinganayo kuzo zonke iinkalo zokusetyenziswa kolwimi kwilizwe jikelele, kuquka kwizindlu zomthetho, kwezempilo, kwezobulungisa, kushishino nakwezemfundo.

Kwicandelo lezemfundo ubawo uNeville Alexander namahlakani akhe awayesebenza nawo kumbutho wePRAESA (Project for the Study of Alternative Education in South Africa) awawusungulayo nowawuhlala kwela ziko lemfundo enomsila iUniversity of Cape Town (UCT ngamafutshane), indima eyadlalwa ngulo bawo neqela lakhe kuphuhliso lweelwimi zesintu ayinakuze ilibaleke.

Kaloku amatsha-ntliziyo ePRAESA ngawo la aphanda nzulu aze ayila iindlela ezigqibeleleyo zokufundiswa kwezifundo ezifana neZibalo, iNzululwazi nezinye ngolwimi lwesiXhosa.

Namhlanje izikolo ezikwiindawo zamaXhosa ezilokishini nasezilalini, zikolo ezo zayamkelayo le nkqubo kabawo uNeville Alexander noogxa bakhe kwiPRAESA, ezo zikolo ziqhuba kakuhle kakhulu kwizifundo zeZibalo neNzululwazi.

Lo bawo nawo onke amahlakani akhe, abonisa isizwe ngokubanzi ukuba ngamampunge uluvo lokuba iilwimi zesintu azinakho ukuba ziilwimi ezinokusetyenziswa kufundo nofundiso lweZibalo, kufundo nasekufundisweni kweNzululwazi, kwiTeknoloji, kuBalo-mali (Accounting) kuquka nenzululwazi kuphando-nzulu!

Kwiveki ephelileyo kwisikhululo sosasazo uMhlobo Wenene FM, kuye kwabhengezwa kwaze kwabhiyozelwa impumelelo kaGqirha-lwazi uHleze Kunju nofunde waze waphumelela isidanga sobuGqirha-lwazi (PhD) kwela ziko lemfundo enomsila iRhodes University.

Oku kubonisa mhlophe mawethu ukuba isiXhosa kwanezinye iilwimi zesintu, nokuba ubani uyathanda okanye akathandi, ezi lwimi zakowethu zikumgangatho ofanelekileyo nolinganayo neelwimi zasemzini, lwimi ezo sihlala siziphakamisa size sinyhale abantwana bethu ngazo ukogqitha ezi zakowethu.

Ndithe ndakuva ibali likabawo uKunju, noyinzalelwane yaPhesheya kweNciba eMqanduli, nobephanda ngokulondolozwa kwesiXhosa ngabemi abantetho isisiXhosa kwilizwe laseZimbabwe, ndaziva ndichulumance kakhulu, kangangokuba ndaziva ndisithi amasango emfundo enokugxila kuthi, kubuntu bethu, kumasiko ethu nakulwimi lwethu, aya evulwa ngokuvulwa.

Sonke nto zakuthi masizeke mzekweni, silandele ekhondweni ukuze neentsana zethu kwanesizukulwana sikantu zikhulelwe kukuzihlonipha zonke iilwimi zakowethu.

Nam ndizive ndinokuzingca okugqithisileyo, kangangokuba ndathi mandisele ndisiya kubhalisela ukufunda nezam izifundo zophando-nzulu ngesiXhosa kwelo laseRhodes. Mawethu ndinovakalelo lokuba xa sincoma amaphulo okuphakanyiswa kweelwimi zesintu afana nala kabawo uKunju, masingababethi ngooyaba abafundisi-ntsapho abayamkele ngezandla ezishushu imeko yokufundisa, ukufunda nokuphanda ngeelwimi zesintu kumaziko emfundo enomsila.

Ngokuqinisekileyo, xa iiyunivesithi zikuvumela oku, zakuqinisekisa kananjalo ukuba amaphulo akumila kunje aza kuhla aye kufika ezikolweni, kuba kaloku kuya kuthi ukuze komelele ukusetyenziswa kweelwimi zakowethu kumaziko emfundo enomsila, isiseko sizinze ezikolweni apho ukumiliselwa kwemfundo eluqilima kuqala khona.

Abafundisi-ntsapho ababonakalise ubukroti begunyazisa ukusetyenziswa kwesiXhosa kwizifundo jikelele kumgangatho waseYunivesithi, bade bakhuthaza abafundi abangamaXhosa ukuba benze nophando-nzulu kumgangatho weeMastazi nezidanga zobugqirha-lwazi, kumele sibahloniphe, sibancome, sibaqhwabele izandla kwaye sibakhuthaze babheke phambili neli phulo.

Phakathi kwaba bafundisi-ntsapho ndingabalula ivula-ndlela elingubawo uNeville Alexander ongasekhoyo, ndisitsho ndisithi ndiyawabona amathambo akhe eshukuma, eshukunyiswa yimincili yokubona ukuba isiXhosa nezinye iilwimi zesintu, siyaphuhla kwaye iphupha lakhe lokuba kuphandwe ngaso, libonakala lifezekiswa.

Ndingabalula nobawo umavula-kuvaliwe uNjingalwazi Russel Kaschula kwela ziko laseRhodes, bawo lowo ube ngumkhokeli kabawo uKunju kwizifundo zakhe zobugqirha-lwazi. Nathi aba sele sibhalisele ukuba ngabafundi abaya kuphuma kwizandla zalo bawo.

Ndingabalula nabanye abafana noGqirha-lwazi Linda Kwatsha; uNjingalwazi uSomniso; noNjingalwazi Ncedile Saule kwela ziko laseNMMU nabo nabasele bekhuphe abafundi abangoogqirha-lwazi ababhale ngesiXhosa sakowethu.

Xa ndiqukumbela, ndithi mandincome negalelo labanye abafundisi-ntsapho lokuvelisa nabanye abafundi abaninzi ababhale iithisisi zabo zophando kumgangatho weeMastazi, abo ke nguGqirha-lwazi uMhlobo Jadezweni ekunye noGqirha-lwazi uNomsa Satyo, nababesebenza nezinye iingqanga kwela ziko lemfundo enomsila eStellenbosch.

Baninzi mawethu abafundisi-ntsapho kwanabafundi ababe negalelo ekuphuhlisweni kweelwimi zethu kumaziko emfundo enomsila, bambi kubo basaqhubekeka neli phulo lihle kangakanana!

Sithi chosi kubawo uKunju ngokuqinisekisa ukuba into entle kangakanana iyavezwa kwaye idandalaziswa elubala!

Oku ndikubona njengentlantsi yokuma nokuphila kweelwimi zesintu kwizwe lakowethu, okubalulekileyo kukuba siqinisekise ukuba le ntlantsi ayinakuze icime, ukuze iilwimi zakowethu ziphile ngonaphakade!