Amathuba kubathandi befashoni

UMAKHWEKHWETHA kwezefashoni, nodume kwihlabathi jikelele, uSonwabile Ndamase ukwiphulo lokutyala kwikamva lolutsha lweMpuma Koloni.

UNdamase ukhweba lonke ulutsha olunomdla wokungena kwishishini lefashoni ukuba luzixhamlele kumathuba enkqubo yoqeqesho yeenyanga ezilishumi elinesibini.

Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwinkomfa noonondaba ebeyikhwebile eMonti izolo, uNdamase uthi yena nenkampani yakhe banikeza ngamathuba ngokukhumbula amazwi kaMadiba.

“UMadiba wathi kum zendixhawule izandla zabo bangakhange bakwazi ukumxhawula, ndichukumise iintliziyo zabo bonke abo angakhange akwazi ukufikelela kubo.”

UNdamase udume ngokuthungela ongasekhoyo uTat’uNelson Mandela iihempe (Madiba T-shirts) ukususela ngamaxesha wakhe wovalelo lwasentolongweni.

“UMadiba ndadityaniswa naye nguMam’uWinnie Mandela. Ndandithungela uMam’uWinnie nabantwana bakhe, ngeli xesha impilo kaMadiba yayiseyiqala ukuba nkenenkene, eqalwa ngumhlaza nokukhathazwa yimiphunga. Kwafunwa mna ndimthungele izinto ezingenzimanga emzimbeni wakhe.

Yinzalelwane yelali yaseMthombe kwidolophana yaseLibode. Ufunde kwizikolo zaseGcuwa naseMonti.

“Oku kukubuyela abakwazi ekhaya, ndimema bonke

abanesikolo, ukubala kwaye abanekhono lokuthunga,” utshilo uNdamase.

“Ndolukela apha eMdantsane, ubukhwenkwe bam baphelela apha, yiyo ke loo nto ndithe mandizokutyala apho ndisuka khona.”

UNdamase, nongumsunguli nosihlalo weSouth African Fashion Designer Agency (SAFDA), bakhangela ulutsha olukwikhulu namashumi amahlanu (150), nabanqwenela ukuba nekamva kwicandelo lokuthunga nokuvelisa imithungo. Aba babizelwa kwinkqubo yoqeqesho lweenyanga ezilishumi elinesibini.

Eli lithuba leNew Creative Venture ngobambiswano phakathi kweSeta ne-Fibre Processing and Manufacturing kunye nomasipala i-Amathole.

Ephendula iintatheli kule nkomfa, uNdamase uthe: “Bazakunikwa imali yokukhwela, ngobambiswano norhulumente bazakubekwa kwiindawo abafanele ukuba kuzo emva koqeqesho.

“Abantu bakuthi mabangenzi into enye kwifashoni, omnye angenza izihlangu, omye amaqhina ngelixa omnye esenza imitya yezihlangu.”

UNdamase uthe bafuna abanemfundo engumsila, abangenayo kwanabo bebefuna ukungena kwelikhono kodwa ngenxa yeemeko abakwazi.

“Okwangoku sibakhangela kwizithili ezithile zomasipala i-Amathole,” utshilo.

simphiwe.freddie@inl.co.za