Amathuba kurhulumente waseMpuma Koloni

AMASEBE karhulumente waseMpuma Koloni kulindeleke ukuba anikeze ngamathuba okuqheliswa umsebenzi (internship) kubantu ababalelwa kuma-6 600 abasandula ukuphumelela uqeqesho kwizifundo zabo.

 

Lo ngumyalelo osuka kwisigqeba sekhabhinethi yaseMpuma Koloni kulandela indibano ebibanjwe eBhisho kule veki.

 

Isithethi kurhulumente wephondo uSizwe Kupelo uthi nangona nje abantu abathweswe izidanga (graduates) abakuma-897 bephantsi kwenkqubo yokuqheliswa umsebenzi kweli phondo, urhulumente ufumanise ukuba elinani lise kude lee kuneenjongo zakhe zokufaka abathweswa-zidanga abakuma-6 000 kwinkqubo yokuqheliswa umsebenzi.

 

“Amasebe ephondo kulindeleke ukuba apapashe la mathuba kumaqonga ngamaqonga, ukukhweba abo banomdla,” utshilo uKupelo.