Ininzi into eqhubeka kule nyanga. Bambi bayazi njengenyanga yamagugu namafa abanye bayazi njengenyanga yezokhenketho. Iphinde ibe yiyo nenyanga yeenkonzo zikawonke-wonke.
Kule mpelaveki siphuma kuyo sifumane ithuba lokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zokusungulwa kwale nyanga njengenyanga yezokhenketho eMpuma Koloni. Siyazi ukuba eli phondo lihle, siyazi ukuba kwicala lendalo nakwimbali etyebileyo sinkqenkqeza phambili.
Abantu basuka kumazwe ngamazwe befuna ukuzokuzibonela eli phondo, befuna ukufunda ngeenkokeli ezazalelwa kweli phondo, befuna ukubona intlalo kaNtu, befuna ukufunda ngenkcubeko yabantsundu, njalo-njalo. Sinemifanekiso kunye nesigxeko-ncomo kwiphepha lesithandathu lanamhlanje.
Masibe sisithi maninzi amathuba kumcimbi wezokhenketho eMpuma Koloni kwaye sebekhona abaqalileyo ukuthatha la mathuba. Khona xa uqwalasela kakuhle uye ufumanise ukuba abona bantu baxhamla kakhulu kumcimbi wezokhenketho ngabo baneehotele, izithuthi zokuthutha abakhenkethi kunye nabo baneendawo zokugcina izilwanyana zasendle.
Konke oku kudinga imali. Inqabile into yokubona abakhenkethi bengeniswa kwiilokishi zaseMonti okanye ezaseGcuwa, Mthatha, Komani, Bhayi nezinye.
Ukuba iyenzeka akubhalwa ngokwaneleyo ngayo kwaye nabantu abahlala kwiilokishi abafundiswa ngokwaneleyo ngayo. Intlalo yakwiilokishi ayonto iqhelekileyo kwaye abakhenkethi baye babenomdla wezindawo kwanyanzelwa abantu ukuba bahlale kuzo.
Zintoni na ezinokwenziwa ukuze nabo abahlali kwiilokishi baxhamle kwezokhenketho? Kufuneka sijonge pha eSoweto, kwiphondo laseRhawutini. Pha kugcwele amashishini neevenkile esinokujika sithi zenze iSoweto idolophu.
Imizi eyayihlala oosaziwayo ijikwe yenziwa iindawo ezityelelwa ngabakhenkethi; kubhatalwe imali xa kungenwa, kukho iivenkile ezithengisa iintsimbi, ukutya kwesiNtu kunye neempahla zesiNtu. Ngamathuba la.
Asisathethi ke ngeelali. Abantu bangapheka emizini yabo, bathengise. Bafundise abakhankethi ukusinda nezinye indlela zokuphila ezilalini. Ngamathuba la.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa