AmaTshayina aseBhayi akruqukile

Uluntu lwesizwe samaTshayina eBhayi, luthi lukruqukile ngumkhwa oqatseleyo wokuhlaselwa, ukuqhekezelwa iindawo zoshishino nokuthathelwa izinto zabo ngootsotsi bale ndawo.

La malungu athi azakuma ngeenyawo esenza imigushuzo yokukhusela okwawo kwizigila mkhuba ekwancedisana nabahlali balo mmandla kumaphulo okulwa ubundlobongela.

Kutshanje inyambalala yala malungu ibizimase intlanganiso yokusungula umbutho wokulwa nale ntsinda-badala obizwa ngokuba yiNelson Mandela Chinese Community Policing Cooperative Centre nobuzinyaswe ngusodolophu womasipala wale ndawo uDanny Jordaan, usomaqhuzu kwindlu yozakuzo yeRiphabhliki yaseTshayina eMzantsi Afrika uWang Zhigang, usekela sihlalo weEastern Province Board Community Police Forum uMonica Mbatsha namalungu emibutho yokulwisana nobundlobongela noosomashishini besizwe samaTshayina.

Ethetha noonondaba phambi kwale ntlanganiso, uZhigang uthe ukhuseleko lolona mceli-mngeni kwicala labo nakumZantsi Afrika jikelele, esithi nangona kunjalo bayavuya kuba kukho imigushuzo ekhoyo efana neemibutho ebizwa ngokuba ziiCPF.

Uhambise wathi banemibutho elithoba yokulwisana nobundlobongela elizweni jikelele abaceba ukuyiphehlelela, kwaye eli laseBhayi lelokuqala ukuba balisungule.

“Siyavuya ukuba nathi sibe ngabathabathi nxaxheba, kwaye sijonge lukhulu kule ntsebenziswano nokuba sibe yinxalenye yeeCPF ezikhoyo, sinamashishini amaninzi amakhulu esinomnqweno wokuba afake inkxaso senze igalelo elikhulu kwicala lezimali,” utshilo uZhigang.

UZhigang uthe kungekabi ntsuku zatywala bazakuqalisa isikolo sokufundisa amalungu eeCPF zasezilokishini ulwimi nenkcubeko yesiTshayina.

UJordaan uhlomle esithi isigqibo sala malungu okuzibandakanya ekugcinweni komthetho kuyavuyisa kusamkeleka.

Uthe kuninzi okwenziwa sesi sizwe kwicala loshishino kummandla waseNelson Mandela Bay.