AmaTshetshi aphiwe isipho senkomo

Ibandla lamaTshetshi kwiDioces yaseRhini, amalungu eSakhululeka Isizwe ngethuba enikwa inkomo yinkokheli yezemveli nosomashishini uMnu. Makinana Umfanekiso: Bheki Radebe

Usomashishini kwanenkokeli yemveli uMandlaphakamile Makinana uthi iinkonzo zakuthathelwa ingqalelo xa zizibandakanya nemiba yoluntu ekuhlaleni.

“Inkonzo yenye yento ebisoloko ithe cwaka ngezinto ezenzeka ekuhlaleni ezichaphazela uluntu ixesha elide. Kodwa noko oku kuyatshintsha kuba iinkonzo zizama ngako konke ukuba zibuyele eluntwini kwaye zithabathe inxaxheba kwimiba yoluntu,” utshilo uMakinana.

UMakinana, okwayinkokeli yombutho iSakhululeka Isizwe, ukuthethe oku ngethuba enikeza ngenkomo ehamba ngamanqina kwibandla lamaTshetshi eScenery Park eMonti.

Le nkomo ixhelwe kwinkomfa “iButho Labavuseleli bakaKrestu” ebibanjwe yile nkonzo ngempelaveki.

UMakinana uthi babone kufanelekile ukuba bangakhethi nkonzo itheni emva kokuba kuze umkhonzi waseTshetshi ezokucela isandla kubo.

UMfundisi Sam Beja obethethela iBhishophu yeDiocese yaseRhini ubulele iSakhululeka Isizwe, esithi bakwabulela uThixo ngokuthi asebenzise abantu bakhe ebulela ikhonkco kwanonxibelelwano phakathi kwabantu bakaThixo.

Ibutho Labavuseleli bakaKrestu liqale ngoLwesine weveki ephelileyo, injongo ikuvuselela izazela kumarhamente.

UBeja uthi le nkonzo yamaTshethsi igqiba iminyaka elikhulu elinashumi amathandathu anesihlanu (165) yasekwayo.

Uthi eli lizwe lifuna ukuthandazelwa kwaye inkonzo mayingapheleli ngaphakathi endlini kaThixo mayiphumele nangaphandle.

Usihlalo weSakhululeka Isizwe uThemba Wele nowayesakuba lilungu lepalamente ephondweni kumbutho weEFF uthi, enye yezinto abayiqapheleyo bengulo mbutho kukungahoywa kweenkonzo ngurhulumente kungoko nabo beqalise eli phulo lokunceda le nkonzo.

Uthi urhulumente makangalawuli yedwa kwaye masingoyiki nokugxeka kwanokumncoma urhulumente.