Amatyeli engade aphumelele unobuhle nongapheli mandla!

ULethu Sincwala (24) olwela isithsaba sikaMiss South Africa Heritage. Umfanekiso: Uthunyelwe

Unobuhle wakuQumbu eMpuma Koloni, uLethu Sincwala (24), nongazange aphele mandla nathemba xa wayemana engaphumeleli kukhuphiswano loonobuhle ngethuba wayeqala ngo2018, nangoku usaqhuba nephupho lakhe nanjengoko sithetha nje ekumagqibela kankqoyi kukhuphiswano lukaMiss South Africa Heritage.

USincwala, nowaphumelela uGrade12 eLittle Flower S.S.S kuQumbu ngo2017, uye waqhubekeka nezifundo zakhe zeHospitality and Catering Services eKing Hintsa TVET College.

Le nzwakazi iqale ngo2018 ukungenela ukhuphiswano loonobuhle ngokungenela uMiss Mhlontlo, yalandela ngoMiss Qumbu icetyiswa ngumzala wayo uNwabisa Jikijela.

“Akukho nanye endaye ndayiphumelela kuzo kwaye ndingazange ndifike nakuTop 3 wezi ndangenela kuzo ukusuka ngo2018. Ndandisemncinci ngoko kwaye ndikholelwa nokuba ixesha lam lalingekafiki,” utshilo uSincwala.

Le nzwakazi iqhube yathi ngo2019 yaye yakhulelwa kwanyanzeleka ukuba iphumile kukhuphiswano lukaMiss Tertiary EC sele ikumagqibela kankqoyi.

Emva konyaka omnye ngo2022 yabuyela ingenela uMiss Nqamakwe noMiss Tertiary EC 2022 kwakhona.

Kunyaka ophelileyo khange aphele mandla kwakhona wangenela uMiss Nqamakwe waphumelela kwindawo yesibini, uphinde wangenela uMiss Indigenous South Africa 2023, wabakwindawo yesithathu.

Sithetha nje, ulwela indawo kuMiss South Africa Heritage ozakube uqhuba eRhawutini kule nyanga sikuyo yamagugu namafa ngomhla wama28.