‘Amava enza ukuba kungasweleki bakhwetha esuthwini’ – Zwelithini

Isilo sixhawula amadoda enza eli siko libeyimpumelelo

Ibiyinkungu nelanga kubhiyozelwa ukubuya kwamakhwenkwe esuthwini nalapho seyiminyaka ilandelelana kungasweleki bakhwetha esuthwini kwisithili saseHarry Gwala namsitho lowo ububanjelwe kwilokishi yaseShayamoya eKokstad.

Isilo samabandla uKumkani Goodwill Zwelithini uthe kuyamvuyisa ukuphuma kwabahloniphekileyo kumasebe ngamasebe karhulumente bezonika inkxaso ngesiko lolwaluko nanjengoko kungaswelekanga makhwenkwe kwiphondo nakulo nyaka.

“Ibingamakrwala angama-260 aphume ebukhwenkweni angena ebudodeni,” utshilo uZwelithini.

Uqhube esithi sifuna isizwe siphile nalapho yonke into inabanikazi bayo.

Uthe kufuneka isibane, waze wazibuza umbuzo wokokuba sobasingakanani na, isibane sokungena ebhomeni kodwa wathi nokuba singangelitha lelanga lingena efestileni, ukhanyo luyafuneka kweli siko kuba siyaphela isizwe kukusweleka kwamakhwenkwe esuthwini.

“Mna andingomfundisi, ofuna ukukhahlela uyokukhahlela kuba yinto esuka kude le. Ndafundiswa ngentlonipho, thina maZulu siyayazi intlonipho kufuneka siyidlulise kwaye ukumamela yenye yezinto ebalulekileyo kuba abantwana bethu abafuni kuyenza!” kutsho uZwelithini.

“Ngonyaka ka2009 emva kwezankxwe ndathi ndiyalibuyisa eli siko. Xa amadoda esweleka isizwe sokwakhiwa ngobani,” utshilo uZwelithini. “Umntu ongafuni kukhunjuzwa ngobuzwe bakhe kuthiwa lomntu akafuni kuva.”

Ebulela kootata abadlale indima yokujongwa kwabakhwetha esithi akekho umntu onesibindi sokujonga omnye umntu.

Ebhekisa emakrwaleni uqhube wathi, intlonipho nokumamela zizinto ekufuneka bazisebenzise naphi na.

Uyiqwele ngelithi, “ namhlanje siyanibulelela kuMdali wentozonke, ndisithi andifuni kwangcwaba lamkhwetha kweli phondo”.

“Indoda yindoda isokuba nomfazi. Kubalulekile ukuphulaphula abazali emakhaya.”

“Izizwe zifuna ukufunda kuni. Andikwazi ukwenza izinto ezizohlaza eli lizwe nanjengoko kungekho bantu balenzayo eli siko apha eAfrika.

Kanti yena usihlalo we iDlodlo ejongene nezolwaluko kwisithili iHarry Gwala uBenny Khobo uthe, kwidolophu yaseKokstad bazalwa belenza eli siko.

Kuthe ngonyaka ka201 ukuya kunyaka ka2013 phantsi komphathiswa wezempilo uGqirha Sibongiseni Dhlomo namanye amasebe alandela ekhondweni, utshilo uKhobo.

“Emva koko khange kuphinde kusweleke bakhwetha kule ndawo yethu, kuba ngabakhwetha abakwiwaka elinamakhulu asibhozo anamashumi asixhenxe anesithandthu (1876) abagqitha betshaya kweli siko bonke besidla amazimba namhlanje,” kutsho uKhobo.

“Kubekho isizathu esibengumntsalane malunga nengxaki ethe yehla esuthwini nokukhulisa le nkwenkwana siyizisa ebudodeni satsho sangenelela, sabeth’ ikhwelo nakurhulumente ukuba angenelele.

“Kweli siko iphondo ligqine lagqiba kwelokuba mayibengumntwana oneminyaka elishumi elinesithandathu ( 16 ) onelungelo lokwaluka kuba uthi esiya kwishumi elinesibhozo ( 18) kuba nzima ukumamela ngaphezulu nezifo zezesondo sle zikho kulo una 18 yeminyaka,” utsho uKhobo.

Uqhube wathi imfihlelo iselwazini, ukukhokhela njengamagqala nomakhwekhwetha kweli siko.

“Siziva sinochulumaco novuyo ngababantwana siliphondo ngokubanzi, simema namanye amaphondo ukuba sebelane ngayo le nyewe kuba sisizwe somzi ontsundu esitshabalalayo.” Eyivala ngelithi “sinyanzelwa yimeko, iminyaka ayenzi, ingathethi kwanto emntwini”.