AmaVondo! Lumkani eMthatha!

Bahlobo, bakhaya, ndibuhlungu kakhulu ngento ezenzeka eMthatha ngaseHillcrest, North crest, Norwood, Santa next to Maiden Farm, sicela nithande ukuba abantwana benu bangadlali estratweni, kunabafana abahamba nge Avanza emhlophe, abafana ngabaseLusikisiki, bafunxa amagazi wabantwana (kuthiwa ngamaVondo) abantu abadala bazakupha ilift kanti kukuphela kobom bakho, sicela niqaphele ezindlini zenu.

Ngoku nileleyo bakroba ngeefestile banive ukuba ningabohlula na, bangene bazenzele kuni. ENcambedlana kusweleke uSisi ebezihlalela neqabane lakhe, bamve ngala magnet bahamba nayo ukuba akhomntu unobehlula baqhekeza umnyango.

Babe bekhalisa ispeaker befuna oomakhelwane bacinge bonwabile kanti kuyafiwa, bangcolile aba bafana. Kodwa ke imoto ifunyenwe yona ngamapolisa aseMadeira phakathi kwehlathi laseTabase ngaseNkampini.

Ndibuhlungu ngomhlobo wam, sakuhlala phi na kanti bawo, liyaphi eli lizwe. Lumkisa abahlali baseMthatha! Senzeni bawo? Kwanele!

-Umhlali, eMthatha