NGAMAWAKA amabini abantu abebeswele ingqesho abamkelwe ngumphathiswa wemisebenzi yoluntu eMpuma Koloni uTandiswa Marawu phantsi kwenkqubo yeEPWP.
Kwintetho yohlahlo lwabiwomali yeli sebe uMarawu uthe, bayi51 000 abantu abazakuxhamla kumathuba engqesho ethutyana phantsi kweEPWP kulo nyakamali.
Kunyaka ophelileyo eli sebe lidlule kumlinganiselo walo wokuqesha i47 500, ngabantu abali 2215.
Ukongezelela koku eli sebe liqeshe amashumi amathandathu abantu abaneziqinisekiso zekontrakha, uGrade 1 kwakunye noGrade 2.
Eli nani lizakuhlola umsebenzi oqhutywa kulwakhiwo lwezindlu. Isebe lemisebenzi yoluntu lidize ukuba lizakubeka i5000 yolutsha kuluhlu lwabafuna imisebenzi phantsi kweAmathuba Jobs Portal.
I240 yoonokontrakha izakufumana inkxaso, ukuze amashumi amathathu kubo ibhaliswe phantsi kwebhodi yezakhono iCIDB.
Amashumi asibhozo aphantsi koqeqesho lwe- APTCoD bazakufumana uncedo lokuphumelela uvavanyo lwezakhono ukuze bakwazi ukufumana iziqinisekiso.
Malunga ne 6000 kule nkqubo yeEPWP izakufumana uqeqesho ngamava obomi. Amashumi amahlanu anesithandathu azakufumana inkxaso yokunika ingxelo ngenkqubo yeEPWP.
Isebe lemisebenzi yoluntu likwathe, lizakuqalisa ukukhupha amakhadi ebhanki ukuhlangabezana neengxaki ezifana nokulinda ixesha elide labasebenzi beEPWP belinde ukufumana imivuzo yabo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo