Amawele akwaQawe azibalula embhoxweni

Umdlali wombhoxo uChumisa Qawe

Abadlali abasaze ngobuso ezweni uChumisa noChuma Qawe bangene bembonzeleka kuluhlu lwabo basengatyunjelwa kwiqela lesizwe lombhoxo eliya kuthabatha inxaxheba kwiNdebe yeHlabathi eNew Zealand kunyaka ozayo.

La mawele akwaQawe aphawulwa ngumqeqeshi wamaBhokoBhokokazi uStanley Raubenheimer ngethuba edlala imidlalo yobuhlobo neqela laseSpain kunyaka ophelileyo.

Le midlalo yayinxalenye yala maqela ukulungiselela iNdebe yeHlabathi.

Ukanti ekuqaleni konyaka, ezi ntombi zikhe zatyunjwa zamela iqela labangaphantsi kwamashumi amabini apho bethwaxe iqela laseZimbabwe kanobom phambi kokuba babone iqela labo iBorder lisoyiswa yiNtshona Koloni kumagqibelakankqoyi weSA Rugby Women’s Cup ngamanqaku angama38-32.

UChumisa udlala esazulwini sebala logama uChuma evala amazibuko emva. Njengokuba la mawele akwaQawe engenile emdudweni weentombi ezinkulu, azimisele ngamandla ukubonisa ubunganga bawo kulo mdlalo kwaye azimisele ukuzenzela igama elihle kumdlalo wombhoxo ukuze achongwe kwiqela lokugqibela.

“Ukudlala kwiNdebe yeHlabathi ingaba kukuzalisekiswa kwamaphupha am. Nditsho ukuba wonke umntu uphupha ngokumela izwe lakhe kumgangatho ofana nalo. Ndiyathemba ukuba ukuzimisela kwam kovuzwa ngokuthi ndipikwe kwiqela eliza kumela uMzantsi Afrika kunyaka ozayo,” uChumisa ominyaka ingama20 usichubele watsho.

La mawele aseDebe Nek awafani twatse ngokwenkangeleko kodwa ngokomdlalo ungafunga uthi ubukele umntu omnye kwaye banethuba lokufikelela kumgangatho wegqalakazi lalo mdlalo uNomsebenzi Tsotsobe owazenzela igama ngethuba esesebaleni.

Nangona la mawele ebesoloko echongwa kwiqela leBorder ukusukela ngowama2017, ukukhwetyelwa kwabo kwiqela lesizwe kuwamangalisile wona.

“Ekuqaleni sasivuya ingakumbi xa saqonda ukuba sipikwe sobabini kodwa sithe sakufika kwinkampu saxuxuzelelwa sisisu ngenxa yexhala kuba kaloku umgangatho uxhonyiwe phaya. Kodwa sazilwela safunda lukhulu kubanye abadlali nendlela ezichuliweyo zokudlala,” uChuma uhambise watsho.

YayinguChuma owakhuthaza udade wabo ukuba adlale umbhoxo. Besekumabanga aphantsi, uChuma ubedlala iqakamba nombhoxo kunye namakhwenkwe logama uChumisa ebedlala ibhola yomnyazi.

Emva kokumcenga nokumbonisa nokubona ukunqongophala kwamathuba kwibhola yomnyazi eMpuma Koloni, uChumisa naye wangenela umbhoxo. Ukusukela ngoko akukho nto ibohlulayo kwaye akuthandabuzeki ukuba banemvano enzulu esuka enyongweni. Bongeza ngelithi xa omnye wabo engekho phambi komnye kubanzima kakhulu kubo.

“Ndingeva kabuhlungu xa udade wethu engapikwanga ukuba amele iqela loMzantsi Afrika, kuba xa ekhona izinto zibalula kum kuba siyazana, siyakhuthazana,” utsho uChumisa.

Ngaphezu kokuba la mawele exhasana ngokupheleleyo, omnye umthombo wenkxaso yawo lusapho lwawo. Ekuqaleni ukudlala kwawo umbhoxo kwakumtsarha umama wawo kodwa emva kwexesha uye wanyibilika.

“Sinobhuti wethu omkhulu naye odlala umbhoxo, yena ke ngumlandeli wethu omkhulu. Uyasikhuthaza ukuba senze ngcono ebaleni rhoqo xa sidlala nangona esazi ukuba umdlalo uthanda ukubarhabaxa maxa wambi,” uChumisa utsho.

Nangona ezi nzwakazi zakwaQawe zinothando olunye embhoxweni, ngasezincwadini zohluke mpela, uChumisa ufundela isidanga kwiHuman Management Sciences kwiyunivesithi iFort Hare logama uChuma eseLovedale College esenza iNational Diploma kwiPublic Relations. Eli nqaku belipapashwe yiNewframe