Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti

Iinkonjane zooFaku.

Amagqirhakazi angamawele nawaziwa njengeeNkonjane zooFaku aseGqeberha eMpuma Koloni azicelela iivoti kubalandeli babo njengoko bethe bachongwa kabini kuluhlu lweBest IsiXhosa Group bekwachongwa nakuluhlu lweBest Newcomer Group, kwiMzansi Traditional and Cultural Music Awards (MTCMA).

Inkqubo yovoto sele iqalile ngomhla wokuqala kule nyanga nezakube ivalwa ngosuku lokugqibela kule nyanga kaDisemba ngomhla we31. Xa uvota wenza kanje: Ukuvotela iBest IsiXhosa Group uthumela ‘MTCMA127’ ku45633, uphinde xa uvotela iBest Newcomer Group uthumela ‘MTCMA128’ ku45633.

La magqirhakazi ooFaku angamawele nguNonkundla kwakunye noNoxhanti nabaphuma kuqeqesho lwabo lobugqirha ngonyaka ka2012. Nesithetha nje nawo sele enephehlo labo apho baqeqesha ababo abantwana bokugula.

Iinkonjane zooFaku ngenxa yesiphiwo anaso hayi esokuphilisa kuphela kuye kwacaca nokuba baphiwe nasemculweni, njengoko kuJuni wonyaka ophelileyo, Iinkonjane zooFaku ziye zakhupha ingoma yabo ethi Amawele neyathi yathandwa kakhulu luluntu.

Ngokokutsho kukaSonwabo Nolutshulwana we-Iinkonjane zooFaku le ngoma ethi Amawele babeyilungiselele ongasekhoyo, elinye lamawele umama uNonkundla nosweleke ngo2022.

Iinkonjane zooFaku ziphindile ngenye ingoma ethi Bayawela nayo neye yathandwa kakhulu.

Iinkonjane zooFaku zinabalandeli kakhulu kumaqonga onke onxibelelwano.