AmaWisile agide ngezipho kwinkosikazi engenampilo

UXoliswa Msweswa oneminyaka engama 65, akakhange akwazi ukuzibamba iinyembezi ngethuba iphiko lolutsha lenkonzo yamaWisile kwisekethe yaseBuntingville eNgqeleni, lungungelene emzini wakhe ukuyakugida ngezipho eziliqela ezifana nokutya, iingubo kunye nempahla yokunxiba.

UXoliswa uhlala kunye nabazukulwana bakhe ababini nezizukulwana ezibini. Bobane aba bantwana abasenabazali nanjengoko oomama babo bathi basweleka. Abantwana nguSimphiwe 15, Zwelithini 12, Bonakele 10 kunye noSuku 6, nabaxhomekeke kwimali kaninakhulu wabo yendodla yobudala.

Uninakhulu waba bantwana akaphilanga kwaye ungena ephuma esibhedlele ngenxa yephika elimana ukumxinanisela de kubenzima kakhulu.

Ngokwemvelaphi, olu sapho luyafika kule ndawo yaseBuntingville lusuka kwidolophana yasePort St Johns apho beluhlala khona. Ukuze iqapheleke imeko yabo abantwana, bafune ukuya esikolweni nalapho bafike kubonakala ukuba abakhange bahlambe.

Badityaniswe nomabhalana wesikolo uVuyokazi Mzinjana. Imbonakalo yabo ibingekho ntle kwaphela, benxibe impahla enkulu kunabo. “Ndifune amaphepha abo okuzalwa, kodwa bandixelela ukuba abanawo”, kutsho uVuyokazi.

Ngeli xesha besamkelwa esikolweni abantwana, umakhulu wabo ebelaliswe esibhedlele ngenxa yale mpilo yakhe. UVuyokazi uthi iye yamtya le meko yaba bantwana kangangokuba uye wayibalisela unobhala wakhe wephiko lolutsha enkonzweni.

“Ndithe ndisokumbalisela ngale meko sayokuvela kweli khaya ukuze sizibonele ngawethu amehlo imeko, sifike kukubi kakhulu kwanyanzeleka ukuba senze icebo lokuthetha namanye amalungu eMYU,” wongeze ngelitshoyo uVuyokazi.

Unobhala weMYU kwisekethe yaseBuntingville nesigqeba sakhe, bayithathe le nto bayisa kwintsumpa yesekethe uMfundisi Mzi Jadezweni, nobanike imvume yokuba baqhubele phambili neenzame zokunceda eli khaya.

Kuluvuyo olukhulu kum xa ndibona amarhamente am esenza oku, sihlala sikushumayela, inkonzo yezenzo,” kutsho intsumpa yale sekethe uMfundisi Jadezweni.

Esenza amazwi ombulelo kolu lutsha lwale sekethe, uXoliswa iinyembezi zinqamleze umbombo uthe, akazukuphoswa cawa, uzakuqhuba abantwana bakhe baye enkonzweni.

Uthi inkonzo yaMawisile yinkonzo kamama wakhe, kwaye emva kolu ncedo alufumeneyo naye uyazinikela kule nkonzo.

Nanjengoko engakwazi kuhamba uXoliswa ngenxa yempilo, amarhamente aneemoto athe azakumana emthatha rhoqo ngeCawe ukuze akwazi ukuya kufumana ilizwi likaThixo. Amalungu eMYU ngaphezu kwezi mpahla agide ngazo kweli khaya aphinde afuna umntu ukuba afakele ibhokisi yombane kweli khaya, athembisa kananjalo ukuba rhoqo ngeKota azakutyelela eli khaya ukuza kucoca nokuzisa iintwana-ntwanana zokutya.