AmaWisile anyevulela ukuxhatshazwa koomama ngokwesondo

ITYALIKE yaseWisile kummandla waseMonti, ithi amadoda asebenzisa izikhundla zawo ukuxhaphaza amakhosikazi ngokwezesondo afanele ukufundiswa isifundo ngokuthi anikwe ezona zigwebo zakhe zaqatha, ngokwasemthethweni.

UMfundisi Mxolisi Mselana wesekethe 314 eWisile, uthi amadoda afuna imbuyekezo yezesondo emva kokunceda abasetyhini ngezithuba zengqesho yenye indlela efihlakeleyo yokuxhaphaza amakhosikazi.

“Izigwebo zamadoda afuna ukubuyekezwa ngokwezesondo ngamakhosikazi ngenxa yokuba ebancede ukuba bonyuselwe emisebenzini [okanye baqashwe], kufuneka zibeqatha xa befunyenwe bekwenzile oko ziinkundla zomthetho.

“Isidima samakhosikazi ngumba obethelelwe ngamandla kumgaqo-siseko, ngoko akufuneki ukuba kujongelwe phantsi oko. Endaweni yoko amakhosikazi kufuneka ahlonitshwe, kuzo zonke izintlu zethu zokuhlala kuquka neendawo zempangelo apho amakhosikazi kufuneka ajongwe ngokwezakhono zawo hayi ngokwesini,” utshilo uMselana.

UMselana ebethetha kwisikhululo samapolisa saseVulindlela eMdantsane, apho le tyalike ithe yadlulisa uxwebhu lwayo lwezikhalazo eziphenjelelwe kukukruquka ukubona amakhosikazi nabantwana bedlwengulwa ze babulawe ngokungenalusini.

UMselana uthi amadoda kufuneka ayazi ukuba xa inkosikazi isithi “hayi” ithetha ukuba “hayi”.

Kutshanje, ziliqela izehlo zokudlwengulwa nokubulawa kwamakhosikazi aselula kummandla welokishi yaseMdantsane.

I’solezwe lithe gqolo ukubika ngezehlo apho amadoda asebenzisa izikhundla zawo ukuxhaphaza amakhosikazi ngokwezesondo. Kuzo zonke ezi zehlo, amakhosikazi akhala ngendlela athe akhohliswa okanye alukuhlwa ngayo ngamadoda afuna imbuyekezo ngokwezesondo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za