INKONZO yamaWisile kwimishini iMbandana eMbizana ithathe imali ebiyiqokelele ukubamba iPasika, yolula isandla sayo yanceda iintsapho ezihlelelekileyo ngokutya.
Zilishumi elinesibhozo iintsapho ezithe zaxhamla kwesi sisa sale mishini seepasele zokutya kuluntu oluhlelelekileyo kwilali yakwaNtshangase.
UMfundisi wale mishini, uNtobeko Dlamini, uthi oku ayizukuba yinto yemini enye, watsho eqala iphulo lokujonga iintsapho ezinqongotshelelwe kukutya.
“Kweli phulo sifuna ukuthengela usapho lube lunye ukutya rhoqo ngosuku kwimali ekhutshwe yirhamente,” utshilo uDlamini.
UDlamini ukwathe phambi kokuba kuvalwe ukuhambahamba kwabantu elizweni, abantu abatsha kule mishini bebejikeleza bengena umzi nomzi befundisa uluntu ngentsholongwane yeKhorona.
Omnye wabo baxhamle kwiipasele zokutya uPrincess Dlawu uthe: “Isincede kakhulu kuba besingenakutya apha endlini. Ndiyambulela uThixo ngento esiyenzelwe ngamaWisile.”
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!