AmaWisile olule isandla sawo

“Kumnandi ukukhonza uYehova oko ndikubona apha kum. Ngosuku endandikhala ndisiva ukuba ityotyombe lam liyatsha kwaye impahla iphelile zange ndiyazi ukuba iinyembezi zam zingaze zosulwe ngokukhawuleza nguMdali.”

Lawo ngamazwi kaNcamisa Ndlakuse (55) waseMlatsheni kwaN.U. 16 eMdantsane ngaseMonti ongumama kunyana omnye. Ukutsho oku ngethuba ibandla lamaWisile akhokhelwa nguMfundisi uClarence Mfuleni kwaN.U. 13 izolo limtyelele kwikhaya lakhe ebelitshile beyokumngenisa kwityotyombe abamakhele lona bevuselela elo belitshile. Kolu tyelelo bebemphathele neempahla zonke zangaphakathi ukuqala phantsi ukuya kwiipasele zokutya.

UNdlakuse akakhange akwazi ukuzibamba iinyembezi ngethuba ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa. Uthi wayengayazi nokuba makathini ngethuba kusitsha ityotyombe lakhe. “Ndashiyeka ndicinga ndisithi ndizakuthatha ntoni ndidibanise nantoni. Ndibulela ngokungazenzisiyo kuThixo nakwibandla ngento engaka abandendenzele yona,” utshilo uNdlakuse.

Uthi owona mnqa kukuba ityotyombe liye laphela vuthu kodwa ezinye zeempahla ebezingaphakathi etyotyombeni zashiyekela zingatshanga. Oku kwenzeke kwiiveki ezimbini ezidlulileyo emini emaqanda ekude nekhaya esesifihlweni ePort Alfred. Uthi ufumene umnxeba othi kuyatsha, uthi yama ngxi ingqondo kwakunye nentliziyo esithi engazazi nokuba makathini. Umfundisi uMfuleni uthe, oku kusose kwabayinxalenye nephulo lokubhiyozela usuku lokuzalwa kowayesakuba ngumongameli weli uGqirha Nelson Rolihlahla Mandela.

“Icawe yaseWisile enye yenjongo yayo kukwenza iinguqu eluntwini. Oku sikwenze ngolu suku lukhulu apho kuthiwa lowo unako makolulele isandla ongenanto kuba awukwazi ukubona umzalwane wakho esokola, ikwakukubuyisela nesidima kuluntu oluhlelelekileyo kuba akumnandanga ukubona umntu omdala ongumama ehamba engcuchalaza exhwaxrha emizini engenamzi,”utshilo uMfuleni.

Olilungu lenkonzo uHlanga Naam uthi kuhle okwenziwe yinkonzo yakhe yokunceda lo mama uthi, akwenziwanga nje ukuba kugqithiswe usana kunina kuba nempahla azithengelweyo umama zisemgangathweni. Le nkonzo iqikelela ukuba imali ethe yayisebenzisa ingafika kwimali engange-R30 000 izixhobo zangaphakathi zendlu yonke kwakunye nokutya.