Amawonga eeNkosi nokusasazwa kumaNgesi

Amawonga eeNkosi, ibintle into. Kunxitywe ezesiNtu kwaye kukho neKumkani yamaXhosa, uZwelonke, ubuqu. Uninzi lwabo bebelapho ibiziinkosi. Indawo? eHemingways, eMonti.

Bekudityenwe ngokuqaphela igalelo leenkosi ekuhlaleni. Liphupha ke eli likaFatima Rulashe, ekudala elizama, lade ke labe liyaphumelela ngoMgqibelo.

Nangona kunjalo uye wakhalaza okaRulashe ngomba wokuba kungakhange kume ngxi yonke into kweli xa kuwongwa iinkosi. Asazi njani xa izwi lingakhange lisasazwe ngokufanelekileyo.

AboMhlobo Wenene nabo bakhalele ukuva ngomzuzu wokugqibela ngalo mcimbi baze bazama unakonako ngosuku lokugqibela ukuba bathethe nomsunguli.

Nathi siliphepha siyalikhalela eli thuba ngoba kwagityiselwa ikhulu lamawaka eerandi kumaphepha esiNgesi ukuba adize ezi ndaba. Ze elesiXhosa lacelwa ukuba lenze simahla. Nangona onke amaphepha ephila ngenkxaso nje. Eli liphepha labantu kwaye liya ngqo ebantwini ngesiXhosa esi sabo.

Iikopi ezikuma-33 000 ziphuma qho ngeveki ziyokutsho kuzo zonke iidolophu neelokishi zeli phondo. Isiphatha kabuhlungu eyokuba singadlalanga ndima enkulu kula mawonga eenkosi.

Ewe, silahlekile sizwe sikaNtu. Imikhulu kangaka imicimbi yamaNgesi, efana nalo mtshatokazi wawugcwele oomabonakude bethu, kungenxa yokuba benza izinto ngohlobo lwabo neelwimi zabo.

Thina? Sinomnqweno wokuwabona ekhula la mawonga kwaye sinethemba lokuba kulo nyaka uzayo singadlala indima enkulu kuwo. Singakhalalanga kakhulu besithanda ukuthi “huntshu!” kwezi Nkosi zithe zawongwa ngoMgqibelo: Nkosi Nobangile Gwebindlala, Zwelidumile Mavuso, Ntsindiso Mdunyelwa, Nkosi Nokhaka Jumba, Zweliyajika Ncamashe, Ngangomhlaba Matanzima, Phathisiwe Mjoji, Jongilizwe Mabandla, Nobhongo Ngonyama, Nzululwazi Sigcawu, Tholelengwe Diko, Zanokhanyo Socishe, Zwelikhanyile Gwebindlala, Noluntu Dalindyebo, Dilizintaba Holomisa, Tseamo Sejosengoe, Dalisizwe Dudumashe, Bakhanyisele Ranuga. Iwonga leyona nkokeli yemveli ephondweni lithathwe nguNkosi Dalisizwe Dudumashe.