Abaqhubi beemoto baza kukhululeka xa beyogcwalisa amatanki eemoto zabo njengoko ixabiso lepetroli lehle ngeR1.78 ilitha. Ukonyuka kwamafutha kwinyanga ephelileyo kuzichaphazele ngakumbi iipokotho zabo.
NgoMvulo umhla wamashumi amathathu (30) kweyeDwarha ka2023, uMphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMandla, uMnu. Gwede Mantashe, ubhengeze uhlengahlengiso lwamaxabiso amafutha ukusuka ngomhla wokuqala kweyeNkanga ka2023.
NgokukaMantashe, zombini iindidi zepetroli (93 ne95) zizakwehla ngeR1.78 ilitha, logama ixabiso ledizili (0.05% sulphur) lizakuhla nge85.08 yeesenti ilitha.
Ixabiso ledizili (0.005% sulphur) lehle nge82.08 yeesenti ilitha. Ixabiso leparafini (ehoseyile) lehle ngeesenti ezingama97 ilitha nganye, kwaye ixabiso leSingle Maximum National Retail Price (SMNRP) leparafini lehle ngeR1.30 ilitha.
Ngeli xesha, ixabiso lentengiso yeLP Gas liza kubona ukunyuka kweR1.49 ilitha nganye.
Uhlengahlengiso lwexabiso lamafutha kungenxa yamaxabiso e-oyile ekrwada, izinga lotshintshiselwano lweRandi kunye neDola yaseMelika kunye nokuphunyezwa kweSlate Levy.
“Umyinge wamaxabiso epetroli, idizili, iparafini kwimveliso yamazwe ngamazwe ulandele ukwehla kwe-oyile ekrwada ngelixa iLP Gas inyukile ngenxa yokunyuka kwamaxabiso ePropane neButane ngeli xesha liphantsi kovavanyo.
“Oku kukhokelele ekuthotyweni kwamagalelo kumaxabiso amafutha asisiseko, iBasic Fuel Prices ngamanye. Amaxabiso epetroli, idizili neparafini athotywe nge207.06, 115.15 kunye ne105.18 yeesenti ilitha ngokulandelelana,” utshilo uMphathiswa uMantashe ngoMvulo.
Amaxabiso amafutha oMzantsi Afrika ayahlengahlengiswa ngenyanga, oko kusenziwa zizinto zamazwe ngamazwe nezasekhaya.
Ezi zinto zamazwe ngamazwe ziquka into yokuba uMzantsi Afrika ungenisa iimveliso ze-oyile ekrwada kunye neemveliso ezigqityiweyo ngexabiso elibekwe kumgangatho wamazwe ngamazwe, oku kuquka iindleko zokungeniswa kwezimveliso, umzekelo, iindleko zokuthumela ngenqanawa.
Nangona ehlile amaxabiso amafutha kwinyanga yeNkanga, akukho themba lokuba olu tshintsho luzakuchaphazela amaxabiso okutya.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?