Abaqhubi beemoto bazakuba nento ebenza bancume njengoko amaxabiso epetroli nedizili ezakwehla kwakhona. Oku kuhla kwamaxabiso kuzakuqala ukusukela ngoLwesithathu wale veki. Amakhaya nawo aya kufumana isiqabu ngokwasezimalini njengoko iparafini nerhasi (LP Gas) ziza kuhla.
Ixabiso lepetroli liza kuhla nge92 yeesenti (R0,92) ilitha ukusuka ngoLwesithathu, ngokohlengahlengiso lwamva nje lwamaxabiso epetroli lwenyanga olubhengezwe lisebe lezezimbiwa.
Idizili kulindeleke ukuba yehle nge79 yeesenti (R0,79) ukuya kwiR1,05 ilitha. Ixabiso leparafini nalo liza kuhla ngeR1,03 ilitha.
Le yinyanga yesine ilandelelana yokwehla kwamaxabiso amafutha, oku kungenxa yokuhla kwamaxabiso eoyile ekrwada yakwaBrent.
UMzantsi Afrika uhlengahlengisa amaxabiso awo epetroli nyanga nganye, ngokusekelwe kwixabiso leoyile yehlabathi kunye nezinga lonaniselwano ngerandi.
Ngokwesebe, umyinge wexabiso weoyile ekrwada yakwaBrent yehle ukusuka kwi83,55 yeedola ukuya kwi78,54 yeedola ngomphanda, ngeli xesha liphantsi koqwalaselo. Oku kube ngumphumo wokunyuka kwemveliso evela kumazwe avelisa ioyile.
Irandi nayo iye yomelela, ukusuka kumyinge weR18,23 xa ithelekiswa nedola kwinyanga ephelileyo ukuya kwiR18,05.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi