Amaxhalanga aseDutywa atsala abakhenkethi, acoca nendalo

Abasemagunyeni bamemelele kuluntu lwaseDutywa ukuba luthabathe inxaxheba kulondolozo lwendalo kuquka ukhathalelo nokuqaqanjiswa kwamaxhalanga ahlala kumawa akuMsikithi, nangumtsalane kubakhenkethi futhi ekwacoca nendalo.

Amaxhalanga acoca indalo ngokuthi atye izilwanyana ezifileyo, kuquka kuzo amahashe.

UMasipala waseMbhashe ukunye neSebe loPhuhliso loQoqosho, uLondolozo lweNdalo kwanoKhenketho eMpuma Koloni uthe wabamba umsitho eCollywobbles Primary School ukhumbuza nokuxhobisa uluntu ngokubaluleka kogcino lwendalo.

Kulo nyaka, amaxhalanga akuMsikithi abalwe afikelela kwi127, kodwa amagosa athi abale kukho inkungu emaweni. Nyakenye, la maxhalanga abalwa akwi437. Kukholeleka ukuba amaxhalanga akweli liwa angaphaya kwe400.

Oligosa laseAmathole nelijongene necandelo lendalo, uThabo Gwiji, uthi amaxhalanga sesinye sezilwanyana ezibaluleke kakhulu nezikumngcipheko wokutshabalala ekufuneka zikhathalelwe kakhulu.

“Amaxhalanga asiqoqoshela ubumdaka ekuhlaleni kwethu kuba aye atye amahashe afileyo. Ezi ntaka libhongo kuthi thina bantu baseMpuma Koloni. Masizilondoloze kuba zikwinqanaba eliphezulu kakhulu. Le ndawo bekufanele ukuba yenziwa indawo eyakuthi ityelelwe ngabakhenkethi ukuzobuka la maxhalanga,” utshilo uGwiji.

USodolophu woMbhashe, uSamkelo Janda kwakunye nomhlali wakuMsikithi, uMasoja Mabiya, bekwisikolo iCollywobles Primary School kuMsikithi: UMFANEKISO Mbhashe LOCAL MUNICIPALITY

USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, ubongoze uluntu ekubeni luyigcine kwaye luyilondoloze indalo, ngelithi lilifa elashiywa ngabantu abadala nabaye balilondoloza kuba befuna kuxhamle abakhoyo ngoku.

“Nathi ke sinoxanduva ngoku lokuba siyikhathalele indalo, sigcinele isizukulwana esizayo ukuze naso sifike sixhamle. Masihlukane nokutshabalalisa izilwanyana okanye imithi kuba nto nganye inegalelo layo ekuphileni kwethu,” utshilo uJanda.

Utata osele ekhulile noyinzalelwane yakuMsikithi, uMasoja Mabiya, ubulele ngezi nzame zenziwayo zokukhathalela le ndalo. Uthi la maxhalanga bakhulele kuwo besebancinci kakhulu kwaye nokwazi ukulwa xa babengamakhwenkwe bafundela kumaxhalanga – ingabo namakhwenkwe akuSibane neyilali engaphasheya.

Lukhuthazwe uluntu ukuba amaxhalanga akanikwa isilwanyana esifileyo esisandul’ ukutofwa kuba sibangela izifo kuwo nasekuhlaleni.

Abafundi baseCollywobles, Gem, Thompson kwakunye neLaphumilanga bexhotyiswa ngokubaluleka kwamaxhalanga akwiilali zabo. UMFANEKISO: MBHASHE LOCAL MUNICIPALITY