Amaxhoba ashishina ngezakhono zawo

Ngenxa yoncedo lombutho olwa nokuxhatshazwa kwamakhosikazi, iPeople Opposing Women Abuse (Powa), amakhosikazi angamaxhoba okuphatheka gadalala ngabo bathi bayabathanda afumene uncedo loqeqesho ekusebenziseni izandla zawo.

IPowa inika ithuba kumakhosikazi eli loMzantsi Afrika jikelele athe axhaphazeka, njengoko enikwa ithuba loqeqesho kwizakhono ezohlukeneyo.

Ezo zakhono zifana nezokwenza ubuso, ukwenza iinwele ezifakelwayo, ukwenza amazipho afakelwayo, amashiya, ukufunda ukuqhuba, ukuthunga iimpahla, iikhompyutha, kwanokubhaka amaqebengwana.

Ingxelo ithi xa kuphela lo nyaka ka2022 amaxhoba eGBV ayi300 aza kube sele eqeqeshiwe kwizakhono anazo. Abaxhamla kolu qeqesho lwezakhono ngamaxhoba athe afumana ululeko kwiPOWA.

Ezi NGO zikumaphondo ohlukeneyo afana neGauteng, Mpuma Koloni, Mpumalanga, eFree State naseKZN.

“Ngokwazi ukuzimela xa ungumntu obhinqileyo bubangcono ubomi kwaye bayakwazi nokuxhasa nabantwana babo,” utshilo uMpho Masilo, uManejala weeProjekhthi nokwanguMqeqeshi kwiPOWA.

“Ngale indlela banako ngoku ukuthetha phandle ngokwenzeka kubo kunokuhlala benyamezele ukuhlukunyezwa kuba bexhomekeke kula madoda. Kwaye ngoku basethubeni lokuqwalasela naxa ingenguwo ncam umsebenzi,” woleke ngelo uMasilo.

Inkosikazi enama26 eminyaka ubudala yaseMthatha, nefumene ululeko eMthatha Women’s Support Centre, ngoku izenzela imali ngezakhono zayo ezifumene kuqeqesho lwePOWA, phantsi kwephulo elithi #EndDomesticSilence.

Eli phulo liqeqeshe yena kwakunye namanye amaxhoba asibhozo eMthatha nalapho bafunde ukuhlohla iintsimbi zehombo eziquka iiwotshi zesihlahla, amacici, iintsimbi zezandla, ezomqala nezentloko ezibhalwe iziduko.

“Ubhuti wam ngumntu ondlongondlongo. Ebeye afike athukisele kuye wonke umntu osendlini de wabetha nomama wam, nto leyo yamenza wabhubha umama ngenxa yoxinizelelo.

“Ukudibana kwam namanye amakhosikazi ngethuba loqeqesho kundiphe amandla. Ngoku ndiyakwazi nokuthengisa izinto ezenziwe ndim ekuhlaleni. Bendikade ndingaphangeli kwaye ndingenaso nesinye isakhono. Ndiyavuya kuba bendikade ndihamba ndivasa iimpahla zabantu,” litshilo ixhoba.

Eli xhoba lihlala namalungu asibhozo ekhaya naxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente. Uthi ngoku uza kufundisa namanye amakhosikazi ukuhlohla iintsimbi.