Amaxhoba kaDalindyebo aphalaza imbilini yawo

“Makukhe kulile yena ngoku, kuba nathi salila sade somelwa ziinyembezi.”

La ngamazwi kaNocingile Sonteya, ixhoba lokuqala kulwaphulo-mthetho olwadalwa yiKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, osentolongweni sithetha nje emva kokukhatywa kwesicelo sakhe sokwandiselwa ixesha lebheyile.

Ibinguduntsu-duntsu kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo ngethuba amagqwetha kaDalindyebo ezama ngandlela-zonke ukuba le kumkani iyitye nosapho lwayo iNyibidyala. Emva kweeyure kuxoxwa, inkundla isikhabile isicelo samagqwetha kaDalindyebo, nto leyo eye yanyanzelisa ukuba uDalindyebo aqale ukudontsa iminyaka elishumi elinesibini ejele.

Yayingumhla wamashumi amabini kuJuni ka-1995 apho iinkomo zakwaStokwana Sonteya (umhlali waseTyhalarha eMthatha) zabonwa zisitya kwidlelo laseBumbane, ibhotwe likaDalindyebo. Inkosikazi kaStokwana uNocingile uthe: “Sabona kusiza igquba labantu lihamba neKumkani (Dalindyebo) apho bafika batshisa izindlu zasekhaya ezine, batshisa igadi, batshisa iintango ezintathu kwafa amatakane ebhokhwe alithoba.”

Emva kwale miheshuzo, uDalindyebo wayalela uNocingile ukuba ayokulala eBumbane. “Ndandihamba nabantwana bam abathandathu kukubi, isono sethu kukuba iinkomo zasekhaya zitye kwidlelo elingagunyaziswanga. Emva kwalo dulubhentsu, kwathathwa iinkomo zasekhaya, ze sashiyeka singenanto. Ndakhala zoma iinyembezi,” utshilo uNocingile.

Umntakwabo Stokwana, uWayiya Sonteya naye watshiselwa umzi nguDalindyebo kungekho sizathu sibambekayo.

Elinye ixhoba nguKoto Wofa, owabulawelwa unyana wakhe uSaziso Wofa owayetyholwa ngokudlwengula kwilali yaseTyhalarha. “Igquba elalihamba naye (Dalindyebo) lambetha lambualala unyana wam, emva koko watyathwa waziswa kum ebhubhile enjalo. Ndisajonge leyo, kwafika uDalindyebo esithi undidla iinkomo ezingamashumi amabini. Wathi kum mandixelele amapolisa ukuba ebegula uSaziso, ekuthetha oku emva kokuba endixelele ukuba akoyiki kwapolisa okanye rhulumente,” utsho uWofa.

“Ndiyakhululeka noko kuba bendiqala ukubona umntu (Dalindyebo) eyekwa nokuba wonile,” waleke njalo uWofa.

UMbuzeni Makhwenkwana yena isono sakhe kukubulala umntu waseTyhalarha, sehlo eso wasenzela eRhawutini. “Inkundla yaseRhawutini yandigweba iminyaka elishumi elinesihlanu futhi ndayidontsa yonke. Mna uDalindyebo wanditshisela izindlu zam ezimbini kuquka neempahla (iisofa, iikhabhathi nezinye izinto) ezikwixabiso. Ndikholelwa ukuba sincinci kakhulu isigwebo esinikwe uDalindyebo. Bekufanele ukuba ugwetywe iminyaka engamashumi amathathu,” utshilo uMakhwenkwana.

Esakhe isono uWelile Dumo yayikukuqhasa umfazi womntu kwilali iTyhalarha. Emva kokuvakala koku, uDalindyebo wayalela ukuba makabethwe ligquba labantu. “Emva kokunkulwa, umyeni wam kwanyanzeleka ukuba asiwe esibhedlele kuba wayechama igazi. Nangoku akakwazi nokusebenza, ndim ohamba ephica ezama ukuba silale sityile,” kutsho uNosive Dumo, oyinkosikazi kuWelile.