Amaxhoba odlwengulo abhuqwa ngumvandedwa

ZIINTSUKWANA zimbalwa ezishiyekileyo phambi kokuba kuqosheliswe iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa nokuphathwa gadalala koomama neentsana, kodwa kwiintwazana ezimbini zaseMpuma Koloni “yindlalo” nje eli phulo.

Zombini ezi ntwazana, enye yeyaseXhorha logama enye iyeyaseCala, zadlwengulwa kwiilali zazo ngokwahlukana kwazo, zidlwengulwa ngabantu ezibaziyo kodwa nkqi ukubanjwa kwabenzi bobubi.

Into eyenzekayo kwezi ntwazana, enye ikwiminyaka engamashumi amabini anesibini (eyaseCala) logama enye ikumashumi amabini (eyaseXhorha), zibhuqeka ngumvandedwa ngenxa yento yokuba zibona aba bafana bazidlwengulayo beyabula elalini.

Intwazana yaseNyalasa eCala ide yashiya ilali yayo, yayokuhlala kuKomani, ngenxa yokuba “andikwazi ukuhlalelana nalo mntu wandidlwengulayo”.

Le ntwazana yaseCala yayidlwengulwe ngenyanga yeKhala kulo nyaka, futhi yalivula ityala kodwa nkqi umkhombandlela ngokophando.

Ngethuba yayibalisela I’solezwe ngokwayehlelayo, le ntwazana yathetha ngolu hlobo: “Ndandilele kwenye indlu apha elalini kuba sasisuka kwindawo yentselo, ndihamba netshomi yam eyintombazana. Lo mfana ndothuka sele ephezu kwam endidlwengula kwaye ilungu lakhe lobudoda laliseliphakathi kum. Ndambuza ukuba yintoni le ayenza kum, wacela uxolo.”

Le ntwazana ithi yayinxibe ilokhwe emfutshane ngoko ke lo mfana wayikhulula nje ipenti.

“Ndavuka ndaphakama ndagoduka, wandilandela [lo mfana] ecela uxolo,” kwakubalisa le ntwazana.

Le ntwazana ithi yaya kwagqirha kodwa ithi ngethuba iyokuvula ityala yakhe yasokoliswa ngamapolisa eyibuza ukuba iqinisekile ngodlwengulo.

“Kude kwanamhlanje, andizange ndeva ukuba uthini umkhombandlela ngetyala lam,” le ntwazana ixelele I’solezwe kule veki.

Kwesinye isehlo, intwazana yasePutuma eXhorha yatsalwa ihamba nesithandwa sayo ngumfana wakwalapha elalini, ngethuba isuka emgidini kwinyanga yeThupha kulo nyaka.

“Wandiqhwaba ngempama esithi ebefuna ukundiqhasa emgidini kodwa akafumana thuba. Wanditsalela kwindlu esakhiwayo wandidlwengula. Emva koko wandithatha wandisa kowabo, nalapho wandidlwengula ubusuku bonke emana ukundibetha.

“Ngoku andidlwengulayo wayendoyikisa esithi uzakundibulala ukuze kungcungcutheke iqabane lam,” ixhoba laxelela I’solezwe.

Lo mfana waligcina ixhoba de kwasa kwasemini, emva koko walinyanzela ukuba lihlambe phambi kokuba alikhulule. Kukholeleka ukuba ixhoba lanyanzelwa lihlambe kuba lo mfana efuna kucime ubungqina bodlwengulo.

Emva kokuba ixhoba livule ityala emapoliseni, laye lacengwa ngamalungu osapho lwalo mfana, licengwa ngamakhulu amahlanu eerandi (R500) ukuze licime ityala.

“Ndabaxelela ukuba andifuni mali mna, ndifuna abanjwe avalelwe qha lo mfana,” kwatsho ixhoba, kodwa ukuza kuthi ga ngoku akazange wabanjwa lo mfana.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za