AmaXhosa ayebusila utywala kwasendulo

Ndisuswa ziintetho ezakhayo eziwe eQonce kwiintsukwana ezidlulileyo kumalungu entshukumo entsha ekuthiwa yinkolo kaNtu ebonakala ifuthelwe kakhulu sisiLungu, ubuntwana, ingqobhoko, ubuKrestu, isikolo nobupolitiki.

Ndithi yintshukumo entsha kuba indlela abaqhuba ngayo yahluke kakhulu kuleyo ndiyazi isenziwa ngabantu ababomvu ekuthiwa ngamaqaba xa enqula.

Ngolu hlobo lokuba esiXhoseni ayenziwa into yokuthuka nokunyemba abantu ababhubhileyo njengokuba sibone amalungu ale nkolo egxibha uNtsikana kaGabha owasweleka ngoPewula.

AmaXhosa akuhloniphile ukufa, awalikhombi ingcwaba, awaligibiseli futhi engaligrumbi kuba kuwo umntu oswelekileyo ulele ukuthula. EsiXhoseni umntu owenza oku kuthiwa ushwabulelekile, uya kuba njalo nalapho aya khona.

Enye into engekhoyo kumaXhosa yeyokuba kuthi xa enqula athelekise unqulo lwawo nolwezinye iinkolo, nanjengoko sibone la malungu ethelekisa unqulo lwawo nolwamaKrestu olunoSathana. AmaXhosa akholelwa ekuthini umntu makajonge phambili, angabhekabheki xa esenza into yakhe afuna iphumelele.

Kukho ibali elingenabunyani elithi amaXhosa ayengabazi utywala phambi kokuba kufike amaMfengu, wona ayesebenzisa amasi xa esenza amasiko awo, elithe lachatshazelwa ngamalungu ale nkolo kaNtu.

Le ngxelo ayinabo ubunyaniso kuba amaMfengu afike amaXhosa esolusa amakhwenkwe, etshilisa, ethombisa iintombi, kungamaduli njalo njalo. Kuzo zonke ezi zizathu amaXhosa ayesila utywala.

Enye into amaMfengu ayeza kuwafundisa njani amaRharhabe ukusila utywala kuba ayefikele kwaGcaleka, awazange ahlale nezizwe zamaRharhabe.

AmaXhosa aneentlonipho ezininzi ezidibene nokutyiwa kwamasi. Umzekelo, emaXhoseni abafazi abawatyi amasi emizi abendele kuyo bade bayokufa; umyeni akavutyiselwa, akawatyi amasi asebukhweni; abakhozi abavutyiselwa ebukhweni bonyana wabo; oonozakuzaku abavutyiselwa; iintombi zaloo mzi xa zisexesheni aziwatyi amasi.

Impazamo yabantu kukuba izinto ezininzi ezibhaliweyo ngezithethe zabantu, zibhalwe ngabeLungu abangamaNgesi nababengalukhathalelanga uhlanga lwamaXhosa belugqwalisa.

Kumasiko nezithethe abazifundayo nabazifundisayo, abazange bayilandele indlela amaXhosa atya ngayo namasiko anxulumene nokutya. Kwakhona, zange azilandele iindlela zokulindwa kwamazimba nezinto ezenziwa emathafeni ngabelusi.

Ubungqina obubonakalisa ukuba amaXhosa ayenabo utywala kwangaphambili kokufika kwezi zizwe, yindlela yokubudidiyela nokubuvubela eyahlukileyo kweyamaMfengu.

AmaMfengu utywala abuvubela, abutsalise ithuba elide phambi kokuba buselwe. Xa esenza le nto kuthiwa ayantshilisa.

AmaXhosa wona utywala awabuntshilisi, buthi nje ukuba bubile abuhluze abusele. AmaXhosa athi xa ethetha: “Utywala buza kutyiwa ziintsipho”.

AmaXhosa xa elawula utywala, utywala yinto yobuzwe bunikelwa nguSokhaya kubantu bonke bengingqi ukuba babulawule emva kokuba umninikhaya ekhuphe utywala obuyimfihlelo waza waya kububeka ekoyini. Utywala besiXhosa bulawulwa ziinjoli ezityunjwe bubuzwe, ingenguye usokhaya (umnini-mzi)

AmaXhosa abanebhunga ngemini yokuselwa kwegwele, apho iinjoli ziza kunikwa amagama ezizwe abalawulana nazo kuloo lali.

EmaMfengwini utywala bulawulwa ngusokhaya nezizalwane zakhe. Abantu beva ilizwi kusokhaya. Usokhaya emaMfengwini xa buphelile utywala unika abantu iibhekile zokugqibela athi xa ezibiza yingxotha.

Ngazo ezi bhekile ugxotha bonke abantu bengingqi ukuba bemke kwakhe asale nezizalwane zakhe. Wonke umntu kwakube kukhutshwe ezi bhekile kulindeleke ukuba aphakame athathe intonga yakhe agoduke.

EmaXhoseni kukhutshwa iibhekile zokugqibela ziinjoli ekuthiwa ziibhekile zomthathanduku. Ngezo bhekile akugxothwa mntu. Ngoku kuvunyelwa abafazi ukuba baye ezintsipheni bazigalele amanzi bahluze utywala ekuthiwa yivanya.

EmaMfengwini ivanya ilawulwa ngusokhaya ayiphe loo mntu amthandayo.

EmaXhoseni abantu bayalalisa kuloo mzi unotywala kuba ivanya iselwa kude kuse. Kusasa umninimzi (usokhaya) kufuneka ekhuphe iibhekile ezimbini azinikele kwiinjoli, enye iya emadodeni, enye iya ebafazini.

Ezi bhekile zibizwa ngokuba ziibhekile zevanya. Ezi bhekile ziselwa ngabantu ebebelele etywaleni, nabantu abaziindlamanzi abathe bavukela kuloo mzi unotywala.

EmaXhoseni emva kokuba ezikhuphile iibhekile zevanya, kuthi ukuba utywala buninzi, umninimzi akhuphe iibhekile zomnono ebezifihlele zona apho athi anone khona abahlobo nezihlobo zakhe. Ukunona kukupha umntu utywala ungalindelanga ukuba akuhlawule, ubonisa ububele.

EmaMfengwini abantu abalindeleke ukuba babuyele kuloo mzi unotywala ngengomso ngabantu baloo mzi, izizalwane. Kuthi ukuba kukho incekecha (abantu abazokusarha) bahlaliswe phaya phandle.

Ukuba phaya phandle ikho into abanokuyiphiwa, ixhomekeke kwintliziyo nobubele baloo sokhaya, ngelinye ixesha bahlala bade bancame.