Amaza aluhlaza agubungele iGoli

BEKULUHLAZA nje kwizitalato zaseGoli izolo, emva kokuba amawaka-waka wabalandeli bombutho weDA ebambe umngcelele woqhankqalazo lwemisebenzi.

Lo mngcelele ubukhokelwe yinkokeli yalo mbutho uMmusi Maimane. Usihlalo weDA kweli * -Athol Trollip nobeyinxalenye yalomngcelele uthe, lomngcelele liphawu lokubonakalisa ukuba abemi beli badikiwe kukuhlala emakhaya baxhomekeke kurhulumente.

UTrollip uthe, “Sifuna ukuphumelela oomasipala abambaxa abaquka iNelson Mandela bay, iTshwane, iJohannesburg, sigcine iKapa, sizenze iindawo zengqesho.”

Lo mbutho ugxeke urhulumente okhokelwe yi-ANC ngelithi, zinkqubo zayo ezikhokelele kwintswela-ngqesho.

Ukwathe bayi-774 ngosuku abasebenzi abalahlekelwa yimisebenzi ngenxa yeenkqubo ze-ANC.

UMaimane uthe, “Ukusukela oko uZuma wathi wangumongameli malunga ne 1.84 yabemi beli balahlekelwa yimisebenzi.”

Uthe i-ANC iphulukene nokuqonda intlalo eyiyo yabemi beli. Uqhube wathi, “Umongameli Zuma walibala kudala ngani.”

Ubongoze abemi beli ukuba bavotele iDA ukuze ikwazi ukuvula amathuba emisebenzi. johnnie.isaac@inl.co.za