AmaZiyoni ancede abantwana

Ibandla iZion Evangelical Movement of South Africa elikhokelwa nguMfundisi Patrick Maqungqulu litshintshe ubomi babantwana abangenabani iBethany eMthatha.

Eli khaya ligcina abantwana abacholweyo, abaphethwe gadalala emakhaya nabangenabazali.

Bebonke abantwana abagcinwe kweli ziko baqabele kumashumi amahlanu, kwaye baqala kwinyanga bezelwe.

Eli bandla lityelele kweli khaya ngoMgqibelo ngeliyonikezela ngempahla nokutya njengendlela yokubhiyozela usuku lokuzalwa lukaMaqungqulu.

Ethetha nentatheli yephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa uMfundisi Patrick Maqungqulu okwangumbhexeshi wenkqubo yomculo wokholo kwisikhululo sasekuhlaleni i-Unitra Community Radio uthi, ukubhiyozela usuku lwakhe okokuqala kususela wazalwa ngokunceda iinkedama ezingaphaya kumashumi amahlanu yeyona nto imvuyisileyo.

Uthi ukunceda kula maziko angenabani ngumnqweno wakhe, kodwa ukungabikho kweentsiba yeyona ngxaki bajongene nayo. Uzibophelele ngokumana ezoncedo ngalo nto ikhoyo.

Eli ziko lelinye lamaziko asungulwa nguSister Mary Paul Tacke owaxhwilwa wabulawa eNorwood eMthatha ngo2014 ewashiya engenabani.

UVictoria Molefe weziko iBethany uthi ukutyelelwa leli bandla lamaZiyoni lithamsanqa elikhulu nanjengoko bephila ngamalizo nokungqiba ngenxa yokungabikho kwemali.

“Mkhulu umahluko owenziwe zezi mpahla nokutya kwezi ntsana zalapha.

“Siphila ngamalizo afana neli leli bandla,” uthethe watsho uMolefe.

Ukanti nayo ibhanki yakwaFNB nelinye ibandla iGood News Community Church bagaleleke kwangomgqibelo bezonceda ngezixhobo ezincedisa abantwana.