Amazwi amahlanu kaCyril Ramaphosa

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa UMFANEKISO: REUTERS/Mike Hutchings

UMONGAMELI weANC uCyril Ramaphosa uyicakacile indlela azakuqhuba ngayo ulawulo xa sele enguMongameli woMzantsi Afrika emva konyulo lonyaka ozayo.

Ethetha kwiKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha eQonce, kule veki, uRamaphosa uthi urhulumente okhokelwa nguye uyakugutyungelwa lulawulo olucwengileyo, olungenabututu futhi olusekelezelwe kuluntu.

NgokukaRamaphosa ulawulo olululo, lusekelezelwe kwezi ntsika ezintlanu:

* Umbono ongenantongo: “Ukuze ubani aqale iphulo lohlaziyo kufuneka aqale abenombono ocace gca. Ngaphandle koko, kunzima ukuqala nokuyila into,” utshilo uRamaphosa, kwintetho yakhe ebivangwe sisiXhosa, isiNgesi nembinana yesiZulu.

* Abantu bokuqhuba umbono: “Xa sele unombono, kubalulekile ukufumana abantu abanezakhono nenkuthazo yokuqhuba umbono lowo,” kucacisa uRamaphosa.

* Izixhobo zomsebenzi: “Xa umbono ucace gca, futhi bekhona nabantu bokuwuqhuba, into efunekayo zizixhobo zokuxhasa lo mbono ukuze kuqhubeke umsebenzi. Kodwa oku akuthethi ukuba kufuneka kubandakanywe namasela. Asiwafuni amasela kuba aqhwayela emva, esiba izixhobo ebekufanele ukuba ziqhuba inkonzo yoluntu,” kutsho uRamaphosa.

* Isakhono sokumilisela izigqibo: “Iinkokeli kufuneka zithabathe izigqibo kodwa eyona nto ibalulekileyo, kukuba zimiliselwe ezo zigqibo. Ayamkelekanga into yokuthatyathwa kwezi gqibo, emva koko kuphele iminyaka zingamiliselwa izigqibo ezo,” utsho uRamaphosa.

* Masizigocagoce: “Xa izigqibo zithatyathiwe futhi nezixhobo zomsebenzi zikhona, into efuna ukuqwalaselwa kukuba ziyasebenza na ezi zigqibo. Ingaba uluntu luyaxhamla kuzo? Kubalulekile ukuzigocagoca, ukuze wazi ukuba ingaba usebenza ngendlela encomekayo kusini na.”

Ngethuba wayethetha eMonti, kwiintsukwana phambi kwenkomfa yaseNasrec, uRamaphosa wagxininisa ukuba uzakuwuqwalasela umcimbi wodalo misebenzi.

Kule veki uxelele uluntu lwaseMngqesha ukuba lo mbuso uzimisele ukudala imisebenzi ekwisigidi kule minyaka mithathu izayo.

“Ubuninzi bale misebenzi buza kuxhamlisa ulutsha,” uthembise ngelitshoyo.

NgoMgqibelo, uRamaphosa uthi intetho yakhe izakugxila kumba wokuvuselela iANC. Uthi iANC iphulukene nenkxaso emandla eluntwini, watsho eyifanisa nomntu owaliwe sisinqanda-mathe sakhe.

“Xa waliwe, futhi uyazi ukuba nguwe owenze idemeshe, kufuneka uye kwisithandwa sakho ucele uthando kwakhona. Yakhe yandehlela le nto ngethuba ndisedyongo, apho ndathi ndaliwa sisithandwa sam ngenxa yokuba ndandisikhathazile. Ndaya kuso, ndaguqa ngedolo phantsi, ndicela uthando kwakhona.

“Ngethamsanqa, ndaphinda ndalunikwa uthando olo kwakhona. Yile nto ke amalungu eANC afanele ukuyenza eluntwini, acele uthando kwakhona kubantu abafulathele lo mbutho ngenxa yokugqwithiza kwawo,” utshilo uRamaphosa.