Amazwi amathandathu kaMabuyane

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uphehlelele isiCwangciso soPhuhliso sePhondo (Provincial Development Plan) apho abalule ukuba esi sicwangciso siqamele ngeentsika ezintandathu ezihlahla indlela yephondo elingcono ngo2030.

Ethetha eMonti kwiveki ephelileyo, uMabuyane uthe umntu ogqibele kulo nyaka eMpuma Koloni “uza kulahleka ngo2030” ngenxa yobuhle notshintsho ephondweni.

Ezi ntsika zibalulwe nguMabuyane luqoqosho olukhulayo olusekezelwe kubuchule; ukwakha uthungelwano lweziseko (infrastructure network); uphuhliso lwamaphandle kwanecandelo lezolimo elisekelwe kwingeniso; uphuhliso loluntu; uzinzo kwezendalo; kwanamaziko asebenzayo asekezelwe kwidemokhrasi.

Kuqoqosho olukhulayo nolusekezelwe kubuchule, uMabuyane uthi kuza kuqiniswa amashishini amancinane ukuze kuqutyiswane nombandela wentswelongqesho.

Into ebalulekileyo, ngokokutsho kukaMabuyane, kukuba wonke umntu ofuna umsebenzi akwazi ukuwufumana ukuze abantu baphile impilo esemgangathweni.

Amashishini aza kusetyenziswa ukudala imisebenzi aquka elezokhenketho, elezenkcubeko namafa esizwe, elokwakha (iindlela, imigangatho njalo njalo), uqoqosho lweelwandle, elokuyila, ezamandla kwanobuchule.

Ekwakheni uthungelwano lweziseko, uMabuyane uthi iinjongo kukutshintsha imbonakalo yeli phondo ngo2030 ukuze libukeke kakuhle eluntwini nakubatyalizimali.

Uthi kuza kwakhiwa idama laseMzimvubu. Uthi kuza kwakhiwa imizimveliso eliqela ukudala amathuba engqesho. Ukwathe umzila wendlela iN2 Wild Coast iza gqitywa (phambi kuka2030).

Uluntu luza kufikelela kwiinkonzo zamanzi, ezemfundo, ezempilo kwanogutyulo lwelindle. Kuphuhliso lwamaphandle kwanecandelo lezolimo elisekelwe kwingeniso, uMabuyane uthi iphondo liza kutyala imali ethe xhaxhe kuphuhliso lwezolimo – ukusuka kumfama osaqalayo phaya ezilalini ukuya kwabo sele bekhulile.

Iinjongo kukudala imisebenzi kumabakala okusenga, inyama ebomvu, ufuyo lweenkukhu, iziqhamo, imifuno, iwayini, ingqolowa, ezamahlathi, iintlanzi, amafutha angabulali indalo (Biofuel) kwanokuveliswa kwentsangu.

Kuphuhliso loluntu, uMabuyane uthi “onke la matiletile siza kuwenzela ukuphucula ubomi bomntu waseMpuma Koloni, omdala nomncinci kwaye azokufuna umntu omdala nomncinci ukuze enzeke aphumelele”.

Kweli candelo, uMabuyane uthe kuza kugxilwa kunikezelo lweenkonzo ezisemgangathweni zezempilo, ezemfundo kwanokuliwa kolwaphulomthetho. Kuzinzo kwezendalo, uMabuyane uthi iinjongo kukugxila kuphuhliso olungakhabaniyo nezendalo.

“Sonke siyazibona iziphumo zembalela ezalwa kukungakhathaleli indalo xa senza uphuhliso. Amazinga obushushu aphezulu, imvula inqabile, izithwakumbe zeenkanyamba zixhaphakile,” utshilo uMabuyane.

Kumaziko asebenzayo asekezelwe kwidemokhrasi, lo kaMabuyane uthe iinjongo kukuqiniswa kwamaziko okuqhubela phambili uphuhliso, watsho ebalula oomasipala bezithili njengeyona ndawo kuza kugxilwa kuyo.