Amazwi okugqibela kaKumkani Hintsa

UGqirha Mfusi Hoza weYunivesithi iWalter Sisulu Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“MAZE nindikhangelele umzi kabawo, nilondoloze abafazi nabantwana. Le mfazwe ayikazi kuphela. Amadoda makalole izikhali.”

La ngamazwi kaKumkani Hintsa kaKhawuta, ngokokutsho kwembongi kwanombhali uSamuel Edward Krune (SEK) Mqhayi ngonyaka ka1923, awawathetha kwisizwe sakhe kwithutyana phambi kokuba agwintwe yimikhosi yamaKoloniyali ngomhla wesihlanu kwekaCanzibe ngo1835.

Oku kuvakaliswe nguGqirha Mfusi Hoza wecandelo leelwimi zaseAfrika kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), ngethuba esenza intetho kumsitho wokukhumbula uKumkani Zanzolo. UZanzolo wagwintwa ngabelungu ngethuba ekhokela idabi lokukhusela isizwe samaXhosa nomhlaba waso, ze intloko yakhe yaqhawula yathathwa.

Umbandela wokuba iphi intloko kaHintsa uhlala uhlale uvuke kwiingxoxo zesizwe samaXhosa.

UHoza uthi ukugwintwa kukaHintsa yinto eyayicwangciswe kunene ngamaKoloniyali.

“Ukugwintwa kukaKumkani uHintsa, ngokwendlela elibhalwe ngayo ibali lakhe, abaninzi bacinga ukuba yinto ekwalalwa kwavukwa kusithiwa mayenziwe. Isigqibo sokumtshabalalisa nokokuthi kutshatyalaliswe kwanto ingumntu ontsundu, sathatyathwa kwamhla mnene, kuthenjiswene ngamaNgesi ukuba aza kufudukela kwilizwe elitsha,” utshilo uHoza.

“Ukugetyengwa kukaKumkani uHintsa, kwakulandela imfazwekazi yokuya kuthathwa kwakhe ngenkani ngumkhosi owawukhokelwa nguJongumsobomvu uMaqoma. Loo nto ke ayithethwa ngamaNgesi, kuba ukuba akazange ancediswa ngamakhoboka awo abaThwa nabanye abaninzi ababethinjiwe ngengazanga amfumana uZanzolo,” kutsho uHoza.

“Alwa amaXhosa kwakubi, abaBambo nabaThwa kubanjisenwe. Ukudala umsantsa phakathi kobu bunye, bangenelela abefundisi baxoka bathi amaNgesi ayencediswa ngamaMfengu. Buza ke ukuba kwathini ukuze omnye woonyana bakaBikitsha, aqokelele umkhosi awukhokele uyokuhlasela eGcuwa, ukuze ucunyuzwe ngolunya kulaa nduli kuthiwa yiNtabempethu,” kutsho uHoza.