Amazwi ovelwano emva kokubhubha kukaMangope

Obesakuba yinkokeli yephandle ebelisaya kwaziwa njengeBophuthatswana uLucas Mangope UMFANEKISO: SAHO

Umbutho iANC uthumele amazwi ovelwano kusapho lakwaMangope emva kokusweleka kukaLucas Manyane Mangope obefudula eyinkokeli yephandle ebelisaya kwaziwa njengeBophuthatswana.


UMangope, obhubhe ngoLwesine emva kwengulo ende eneminyaka engamashumi alithoba anesine (94), wayetyholwa ngokusebenzisa udushe eBophuthatswana – exhaswa ngurhulumente wengcinezelo – ukuze ahlale kwezopolitiko.

Ngethuba kuhlakulelwa ukungena kwinkqubo yedemokhrasi, uMangope wayemile ngelithi iBophuthatswana izakuhlala inguzimele-geqe kodwa iinkokeli zebhunga elijongene nenguqu yoMzantsi Afrika, ukusuka kwingcinezelo ukuya kwintando yesininzi, zamkhupha ngetshova lo kaMangope kweyoKwindla ngo1994.

Emva koko uMangope waseka iqela lezopolitiko iUnited Christian Democratic Party (UCDP) elathi laliqela lezopolitiko eliphikisayo eMntla Ntshona ngonyulo lonyaka ka2004. Kodwa iUCDP kaMangope yabona iphulukana nenkxaso emandla ngonyulo luka2014.

Isithethi seANC uZizi Kodwa, uthi nangona nje uMangope wayeliqhaji lorhulumente wengcinezelo, iANC ibithe gqolo ukumhlonipha izama ukumbonisa umbono weprojekthi yedemokhrasi kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Siyi-ANC singathanda ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaMangope, abahlobo bakhe nabo bonke abantu abebesondele kuye,” kutsho uKodwa.

Amalungiselelo omngcwabo walo kaMangope ebengekabhengezwa. Akwaziwa kusini na nokuba urhulumente okhokelwa nguMongameli Jacob Zuma uyakumvuza ngomngcwabo wesirhulumente lo kaMangope.