Amazwi ovelwano emva kokubhubha kukaSive Nombembe

Umbutho wolutsha olukushishino iProgressive Youth in Business (PYB) eMpuma Koloni,  udlulise amazwi ovelwano emva kokubhubha kukaSive Nombembe obegaxeleke kwingozi emasikizi eyenzeke kuN2 phakathi kweQumrha neMonti kusasa ngoMgqibelo.

 UNombembe (31) ebengusomashishini owaziwayo kummandla waseGcuwa. Ebekhe wangunobhala wePYB ephondweni phambi kokuba acele ukuthi gu bucala kulo mbutho de kuqosheliswe ityala lezityholo zobuqhophololo abebandakanyeka kulo.

 Ngokwengxelo yamapolisa, uNombembe ubhubhe ngethuba yena nomhlobo wakhe uYanga Dudula (32) begaxeleka kwingozi neloli engqube imoto abebeyiqhuba yohlobo lweMercedes Benz.

 Usihlalo wePYB eMpuma Koloni uBuhle Tonise,  uthi uNombembe ubhubha kanye xa isakhono sakhe besisafuneka nangakumbi kwicandelo lezoshishino kweli phondo. 

“Ubhubha xa kanye eqala ukugqobhoza kushishino lukazwelonke. Njengombutho (PYB) omtsha, besifuna ukusebenzisa imizekelo yemisebenzi yakhe ukukhuthaza nabanye oosomashishini abasebatsha.

 “Ukubhubha kwakhe asiyolahleko yosapho lwakhe kuphela, koko yilahleko eMpuma Koloni nakwilizwe liphela. Inga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” utshilo uTonise.

 Isithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku uthi amapolisa ayaphanda ngale ngozi.

 UNombembe ebeshishina, phakathi kweminye imingxilo, kwicandelo leemoto ezihlangula ezo zigaxeleke kwiingozi kuquka nokubolekisa ngeemoto. Ngaphandle koku, uNombembe ebekwakho nakwicandelo lezolimo.

 Ebhubha nje ebengaphandle ngebheyile kulandela ukubanjwa kwakhe ngezityholo zobuqhophololo obubandakanya izigidi ngezigidi zeerandi kumasipala waseMnquma.

 UNombembe ebetyholwa nomfi uSindile Tantsi, obesakuba ngumanejala kumasipala waseMnquma. Kweli tyala, elibuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yeDwarha, kukwatyholwa noTeris Ntutu, unobhala weANC eAmathole, uZanele Mbewu osebenza eMnquma kwanosomashishini waKwaZulu Natal uRegis Masuku.

 UTantsi wabhubha kwingozi yemoto kufuphi naseHarding KwaZulu Natal ekuthambekeni kwenyanga yoKwindla kulo nyaka.-Ingxelo yongezelelwe ngu-Abongile Ginya