UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade udlulise amazwi entuthuzelo novelwano kusapho lomfundi obhubhele esibhedlele emva kokuba wathi watshiswa ngutitshala othile ekuhlaleni.
Lo mfundi nogama linguUnam Sishuba (17) nobesenza uGrade 11 eLavelilanga High School eLady Frere, uyangcwatywa namhlanje uLwesihlanu kowabo kwilali iZingquthu phantsi koMasipala iEnoch Mgijima eLady Frere (Cacadu).
Ngokwengxelo yesithethi seSebe lezeMfundo uMali Mtima ithi, umrhanelwa owenze esi senzo sibi sele ekhutshiwe liSebe, kwaye noSACE sele ebikelwe ngenyathelo elithathwe liSebe.
UGade, uyalele abafundisintsapho ekubeni bawahloniphe amalungelo abantwana kuquka nomthetho. UGade ukwabongoze abantwana ekubeni bakhuselwe ngamaxa onke ekuhlaleni nasezikolweni.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!