Amazwi ovelwano kusapho lakwaNtlebi

Ongasekhoyo uMalgid Ramba Ntlebi

Umbutho weCONTRALESA kwingingqi yomasipala ombaxa iBCM, uthumele amazwi ovelwano kugxa wabo ongasekhoyo uMalgid Ntlebi nobesaziwa ngelikaRamba igama emva kokuba ethe walishiya eli kwiveki ephelileyo.

URamba uzalelwa kwindawo yasePhozi eTsholomnqa eMonti. Lo kaRamba ebeligqala kwezopolitiko, ekwalilo netshantliziyo. Kwiintsuku zakhe zokugqibela ulichithe ixesha lakhe esebenza namalungu eCONTRALESA ephuhlisa iindawo zokuhlala zoluntu eMonti, ezinikele kumsebenzi wakhe.

URamba ukhe wanguye nonobhala wombutho olawulayo iANC ephondweni, phantsi kukaHumphrey Maxegwana.

Ngonyaka ka2007, uRamba wachongwa waba kwibhodi yeHlosi Development Trust phantsi kophuhliso lweGompo Traditional Council ekhokelwa nguNkos’ uMthuthuzeli Makinana.

Ngethuba ekule bhodi, wenze utshintsho olukhulu encedisa kuphuhliso lweeprojekthi zasezilalini apho azalwa khona eTsholomnqa.

Ngoko ukutsho uNtlebi, ube ngumntu onobuntu kwaye obesoloko enqwenela ubumbano phakathi kwabantu abantsundu, ekhuthaza nentsebenziswano kwaye ekwabongoza nokuba uluntu malwabelane ngobutyebi.