Amazwi ovelwano ngokubhubha kukaSindiso Magaqa

Ongasekhoyo uSindiso Magaqa UMFANEKISO: Matthews Baloyi

 

Obesakuba nguNobhala kazwelonke kwiphiko lolutsha kwiANC uSindiso Magaqa ubhubhile emva kokulwa nokufa esibhedlele kulandela ukudutyulwa izihlandlo eMzimkhulu KwaZulu Natal embindini kwinyanga yeKhala.

 

UMagaqa wayekunye nooceba ababini beANC ngethuba behlaselwa ngentlamvu yeembumbulu ngamadoda amabini.

 

Olu hlaselo lwamshiya onzakele kakhulu uMagaqa kangangokuba akazange waphuma esibhedlele. Ngokuhlwa kwangoMvulo kubhengezwe ukuba ubhubhile uMagaqa, nto leyo yothuse abaninzi.

 

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema, osebenze noMagaqa ngethuba enguMongameli weANC Youth League, ubhale kuTwitter wakhe: “Ubhuti nomhlobo wam u #SindisoMagaqa akasekho emhlabeni, inga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo. Sakuhlala sikukhumbula mlweli wenkululeko yezoqoqosho engoyikiyo.”

 

Yena uMbazima Shilowa, obesakuba yiNkulumbuso yaseRhawutini, ubuzile kuFacebook nakuTwitter wakhe ukuba okukubulalana kunje KwaZulu Natal kwakuze kuphele nini na.

 

Isithethi seANC kuzwelonke uZizi Kodwa, uvakalise udano ngokubhubha kukaMagaqa esithi le nkokeli iyakuhlala ikhunjulwa ngegalelo layo. “SiyiANC sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lukaMagaqa sikwalubulela ngokusiboleka umntu obekhuthele njengoMagaqa,” utshilo uKodwa.