Amehlo kaKwinana akwiwonga leCrowns

Imvumi yegospile uXolisa Kwinana ityunjwe kwiiCrowns

LIPHINDE lafika ixesha lokuwonga abo benze umsebenzi ophawulekayo kumculo weGospile.

Onke amagama abo batyunjiweyo aza kukhwazwa kwiqonga leCrown Gospel Awards eThekwini ekusitheleni kwale nyanga.

Omnye oye wazibonakalisa ngokukhupha uncuthu lwecwecwe kutshanje, uXolisa Kwinana, uphakathi kwabo kulindeleke bemke befunqule iwonga kulo msitho.

UKwinana, 27, onkaba yakhe iseThornhill kuKomani, utyunjwe kwibakala leBest Ithende ngengoma yakhe entsha ethi ‘We Were Foreigners.’ Etyunjwa nje, usandul’ukukhupha icwecwe elitsha elithi ‘I’m Still Standing’.

Eli cwecwe, lilandela amacwecwe adume ngawo afana noSiphila Ngaye, cwecwe elo lamnika udumo kumculo weGospile, laze lalandelwa lelithi ‘Uhamba Nobani?’ Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uKwinana uthi uziva evuya kwaye enawo nomethuko kukuchongwa kwakhe.

UKwinana uchongwa ityeli lesibini kwibakala leBest Ithende (intente) kwiCrown Awards emva kokuchongwa kwakhe ngo2017.

“Andizazi, ndothukile kwaye ndiyavuya ngaxeshanye,” kutsho uKwinana, esithi isigqibo sophumelelayo sesabagwebi. Icwecwe lakhe elitsha elithi ‘I am Still Standing’ lineengoma ezilishumi ezinjengo-We were foreigners, Umthokozisi, Umalusi nezinye.

Uthi eli cwecwe ulikhupha emva kweziganeko ezininzi ezimehleleyo. Ngonyaka ka2018, uKwinana uye wahlaselwa yiBrain Tumor eyanyanzelisa ukuba enziwe uqhaqho. Iindaba zokuba ubhubhile zazijikeleza kumakhasi onxibelelwano.

“Ndidlule kwizinto ezininzi, yiyo lo nto ndiyibize ngokuba I am Still Standing le albham,” kutsho uKwinana.

Ngaphambili, uKwinana uzuze iwonga kwiVictory Awards nakwi-Ingoma Awards ngenxa yomsebenzi wakhe omhle emculweni.

Amawonga weCrowns aza kubanjelwa eDurban ICC ngomhla we24 kweyeNkanga 2019.

simphiwe.freddie@inl.co.za