Usekela nobhala wezizwe ezimanyeneyo, uAmina Mohammed, ubongoza uluntu lwehlabathi ukuba lifuze ubawo uNelson Mandela.
UMohammed uthethe nanjengoko bekukhunjulwa umhla wokuzalwa kukaMandela lihlabathi ngokubanzi.
Uhambisa athi uMandela usebenze nzima ezama ukuba ihlabathi lihale liyindawo enoxolo ngamaxesha onke.
“Kuninzi ekumele kwenziwa sithi sonke singabantu behlabathi ukuqinisekisa ukuba ngenene imeko yentlalo nempilo yoluntu ibuyela esiqhelweni,” kutsho uMohammed.
Uthi iingxaki ezibangela uloyiko olumandla kwintlalo yabantu behlathi zidinga kanye amadoda afana noMandela.
Umbutho wezizwe ezimanyeneyo wamisela ngokusesikweni ukuba umhla weshumi elinesibhozo kweyeKhala ibengumhla wokunika imbeko kwigalelo likaMadiba.
“Usebenze nzima kakhulu, uncame izinto ezininzi ezamela ukuba ihlabathi libe yindawo efanele wonke umntu okhoyo ehlabathini,” kutsho uMohammed.
UMandela wazalelwa kuMvezo eMthatha eMpuma Koloni waza wanabela ehlabathini emva kokuba efunde kwizikolo zasekuhlaleni naseYunivesithi yaseFort Hare.
URhulumente welizwe loMzantsi Afrika usebenzise eli thuba ukuqinisekisa ukuba uluntu luyanatyiswa njengesiqhelo ukuchaphazela iintsapho noluntu olungathathi ntweni.
“Ukukhuthaza ubuntu nokuncedana koluntu yenye yeendlela eziphambili zokuqinisekisa ukuba imeko yentlalo iyenziwa ibesemgangathweni,” kutsho uMohammed.
AmaSebe kaRhulumente namagosa aququzele ejikeleza kwiindawo ezahlukeneyo enikisa ngoncedo ngelizama ukuqhubela phambili imizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM